Ukongiwa Kwendalo yase Richtersveld
Umbono Ophelele Ephepheni
Enye yezona ndawo zokongiwa kwendalo kule ngingqi yase Richtersveld yi Richtersveld Community Conservancy (RCC). Oku kwaqala njengombono obhalwe phantsi ngomnyaka ka 1998 waye ukhula ngokubambisana kunye nokubhaliselwa iwonga le World Heritage.
Lombon waxhaswa ziiarhente ezahlukeneyo zamazwe ngamazwe kunye nezokuhlala zamafa namagugu. Ezi zi arhente ezifana ne NORAD – the Norwegian Agency for Development Cooperation, the Northern Cape Department of Arts and Culture kunyene Eco-Africa environmental consultants.
Emveni kweentlanganiso neendibano, lo mbono wokugcina indalo waya uqina njenge Integrated Development Planning lalo mmandla. Noluntu lwawuseka lombono wokwenza indawo nalapho izinto zendalo kunye nezesintu zizakukhuselwa phantsi kwepolisi eqhubekayo yophuhliso.
Uhlelo ngolawulo olwahlukeneyo lwaqulunqwa, ze ngomnyaka ka 2004, konyulwa ikomiti yolawulo. Kwaye kwabakho nomphathi osisigxina wezogcino lwendalo kunye negosa elingumabhalane neligcina amaphepha. Undlunkulu we RCC ukwindawo yase Eksteenfontein.
Indawo Ephume Izandla
Ngomnyaka ka 2005, Isebe Lemicimbi Yezendalo kunye Nokhenketho (Department of Environmental Affairs and Tourism (DEAT)) lakhupha isixa semali ezi R6 yezigidi ukuncedisana nokuphuhlisa ezendlela nezakhiwo kunye nendawo zokuhlala.
Iphondo Lomntla Koloni nalo laqala iingxoxo zokunikezela nge (and wholly undeveloped) Helskloof reserve (neyayinga phuculwanga) kule conservancy.
Namhlanje, iRichtersveld Community Conservancy (RCC) yindawo ephume izandla. Yindawo yokonga ubomi ezinikele ekongeni izityalo (biodiversity conservation) kwaye sele kucetywa ukuseka isikhululo sophando lwenzululwazi.
Kodwa yi reserve yesintu nalapho izithethe zamandulo zabantu zikhuselwe kwaye zikhuthazwa ukuba ziqhubeke ngendlela yazo.
Itolo Elibukhali Macala
Ngelisha ezokhenketho litolo elibukhali macala. Indalo ekule Richtersveld Community Conservancy kunye ne Richtersveld National Park inkenenkene.
Sele isemngciphekweni ngenxa yemfuyo etya ngokugqithisileyo kwizityalo nengca kwakunye neminye imiba esingqongileyo. Kwaye nokhenketho olungalawulwayo nalo lungenza izinto zibe maxongo ngakumbi.
Ingxaki yile, abakhenkethi (ummo lowabo) zizilo ezonakalisayo. Iinyawo zabo zityumza izityalo ezi ethe-ethe, iimoto zabo (ukuba ziqhutywa ngokungenankathalo) zingashiya iziphaku kulomhlaba kwaye nobukho nje babo elalini kungagxobha izithethe zabantu balendawo- nto leyo ibibatsalile kwase kuqaleni.
Ngoko ke, onke amaphulo amatsha ezokhenketho ayahlelwa ngobuchule kwaye ayagadwa ukuze inkomo yobisi eza nomkhenkethi ayibulali isikhukukazi esizalela amaqanda egolide esiyindalo.
Ngamanye amagama, bonke abo babandakanyekayo kulo mmandla bayasebenzisana ukuqinisekisa ukuba amacebo okhenketho nophuhliso enziwa ngenkathalo kwaye engazukuphelela esithubeni. Kwaye emva kokuthetha nabanye babantu ababandakanyekayo kweli phulo, ndinethemba lokuba bazakuphumelela kwiinzamo zabo ezixabiseke kangaka.
Translated by
Zizipho Silwana