Ukonga Ukutya Kungonakali

I-Pickles kukutya okusokishiweyo kwityuwa okanye amanzi ane asidi enceda ukuthintela umonakalo. Kuyanceda ukugcina nokutshintsha incasa nemvakalelo yokutya.

©Adam Jones

Ukonga Ukutya Nokudidiyela

Umohluko phakathi kokutya oku khethiweyo nokuvundiswa kokutya kukuba iimveliso ezikhethiweyo azikhange zidlule ekuvundiswni okwenziwa zintsholongwane ezise mpilweni. Iimveliso ezididiyeliweyo zingakwazi, zikhethwe kwi tyuwa-viniga emveni kokuba kubilisiwe. 

(Isihloko zokuvundisa sichaphazelwa kwenye imbalelwano kuhlelo lokusebenza ngokutya).

Ukutya Okongiweyo

Phantse yonke imifuno, kunye nezinye iziqhamo kunye nokunye ukutya, zingakhethwa. Imifuno exhapakileyo ukuze ikhethwe iquka ibitruthi (faka emanzini ukususa isikhumba), ityhukhamba, artichokes, iipepa, capers, okra, radishes kunye nama tswele.

Iitomota ezincinci zingagcinwa ziphelele, iminqathe ingaxotyulwa isikwe ifane nomcinga kamatshisi okanye ibengqukuva, ngexesha imifuno eluhlaza efana ne asparagus okanye iimbotyi zifakwa emanzini imizuzu embalwa kumkhenkce wamanzi phambi kokuba ifakwe amanzi we brine.

Iziqhamo ezi pickled ziquka ama-apile, ipesika, (faka emanzini ukususa isikhumba), lamuni, umxoxozi, ipayina, kunye namakhiwane. Okunye ukutya okuthi kulungele ukongiwa kuquka nasturtiums, fiddlehead ferns, inyama efana nenyama yehagu nentlanzi kunye ne tofu namaqanda. 

Abanye abapheki bafaka ibitruthi kwi brine eyonga ukutya kungonakali namaqanda abilisiweyo ukukhupha umbala opinki kumphandle weqanda. Lumkela icloves kuba zona ziza kwenza amanzi wokonga abengumbala odaka.

I-Achar kukutya kwase India okwenziwe nge viniga, mustard, okanye sesame oli, iziqhamo (umzekelo imango eluhlaza, payina, lemoni) kunye nemifuno (umzekelo iminqathe, khaphetshu) ezinomgubo we chilli.

Ukonga Njani Ukutya

Indlela yokonga ukutya ilula, kufuneka kwenziwe indlela yokonga ukutya nge brine, nokutya kulungiswe. Qinisekisa okukuba izitya uzihlambisisile, ze uzigcwalise ngemveliso. I-brine eshushu galela ngaphezulu kwizitya okanye izikhafutina ozisebenzisileyo ze uzivale ezizikhafutina. Pholisa emveni kokuba uvalile ze usibeke kwindawo epholileyo emnyama.

Ezinye iindlela zokupheka zifuna imifuno esandula kukhiwa yongezwe kwi brine yokonga ukutya xa isenziwa shushu. Iyahluzwa emveni koko (kugcinwa ibrine yokonga ukutya), kugcwaliswe izikhafutina apho kuthi kongezwe ibrine yokonga ukutya.

Iindlela zokupheka ziyohluka kodwa ibrine yokonga ukutya idibanisa umlinganiselo ofanayo wamanzi, viniga neswekile (iyaxhomekeka) netyuwa kunye namanzi abilisiweyo. Izipayisi ezifana ne peppercorns, iinkozo ze coriander ezomisiweyo, amagqabi we bay kunye nenkozo ze mustard okanye umgubo wokupheka okhethekileyo ungongezwa.

Abanye abapheki bongeza ibhitruthi kumaqanda abilisiweyo ukuze kufumaneke umbala opinki kumphandle weqanda elisetyenziselwa ukonga ukutya. Zama ungasebenzisi iclove kuba zizakujika umbala wamanzi okonga ukutya ubemdaka.

Sebenzisa sebenzisa itoti okanye ityuwa yokonga ukutya. Ezinye iityuwa zinokuninzi okongeziweyo okukwenza okokuba xa ugqibile imveliso ienkungu. Musa ukusebenzisa ityuwa ‘ecuthelwe isodium’.

Iviniga emhlophe, apple cider, iwayini emhlophe, ne viniga yerayisi ngo 5% we asidi zonke zisebenza kakuhle kodwa ungayisebenzisi iviniga ye balsamic. Iviniga emhlophe ayiwenzi umohluko kwi mbonakalo yombala, kodwa yona icider viniga, nangona inencasa ephakthi, yenza ukutya okongiweyo kubemnyama.

I-Asidi ezithile kwiviniga zinciphisa amathuba okonakala ngenxa yentsholongwane, iityuwa ezine calcium, zigcina ubugram-gram kukutya okanye imveliso eyongiweyo ukuze kungonakali.

Ukususa Umbala kwi Galikhi Eyongiweyo

Igalikhi inento yokonga eyaziwa ngokuba yi isoallin ethi izibonakalise nge asidi ejika igalikhi eyongiweyo kumbala oblue-ukuya kumbala ohlaza. Okukujika kombala ube blue-nahlaza kwenziwa ngokusebenzisa imethali ezifana ne khopha ne nkcenkce eyomeleleyo ngexesha iphekwa.

Khetha igalikhi endala (ene isoallin encinci) xa uzama ukuyonga, sebenzisa amanzi acociweyo (angenayo ikhopha) ungasebenzisi ityuwa ene iodine, efana ne tyuwa itable salt. Xa usonga igalikhi, kucetyiswa okokuba usebenzise ityuwa iKosher unciphisa ukujika kombala.

Amanzi anzima kunye namanzi afakwe ichlorine kakhulu kufuneka uzame ukungazisebenzisi xa ulandela indlela yokonga ukutya kungonakali.

Translated by Zikhona Plaatjie