Ukhuseleko Kwimveliso yeeNkukhu

© Chris Daly
Ukhuseleko lweenkukhu lubonwa luleyona ndlela yokuqala yokumelana nodabi lokulwa izifo zeenkukhu. Luquka imilinganiselo emininzi yokwenza ukuba iintaka zingadibani nezinye izinto eziphatha izifo, ukusuka pha ebantwini ukuya kwizilwanyana, isondlo okanye izixhobo zokulima. Abantu abasebenza nezilwanyana okanye oogqirha bezilwanyana basemngciphekweni kakhulu kuba basoloko besebenza nezilwanyana ezigulayo kwifama ezahlukileyo. Ngethamsanqa bayayazi lento kwaye bathatha imilinganiselo yokunciphisa ingozi, ngokumane betshintsha iimpahla emva kokuba betyelele ifama nganye.

Ingozi Yomntu

Abalimi bezorhwebo bayayisusa ingozi yabantu yokwazisa izifo kwiindlela zabo zemveliso ngoku biyela zonke izindlu zeenkukhu. Abantu abafuna ukungena kwindawo yemveliso kufuneka babhale amagama wabo pha kwindawo yolwamkelo, ukwenzela ukugcina irekhodi layo yonke into engenayo okanye ephumayo, ngalo ndlela bayakwazi ukubona intsusa yegciwane xa kukho isifo esithile esiphumileyo.

Ezizakhiwo zine ndawo yokuhamba enebhafu pha kwindawo yemveliso. Wonke umntu ongenayo osuka ngaphandle, ingaba ngumlimi okanye umsebenzi wase fama okanye ugrirha wezilwanyana, kufuneka ashiye iimpahla yakhe yangaphandle pha kwicala lomnyango webhafu.

Kufuneka ke bahlambe, apho kukhona ilaphu lokuvasa, iimpahla ezicocekileyo kunye nezihlangu ezishiyelwe bona kwelinye icala lendlu. Abasebenzi baqhele ukuba nezabo iimpahla, ezingavumelekanga ukukhulwa ngaphandle kwesakhiwo.

Kuye kudingeke ukuba abantu bavase kwaye batshintshe iimpahla zabo ngalo lonke ixesha besiya kwenye indawo yemveliso, okanye bacelwe ukuba bahlambe iinyawo zabo xa besiya kwezinye iindawo, lonto ixhomekeka kwinqanaba lengozi. Iimpahla ezisetyenziswe ngaphakathi kufuneka zihlanjwe kwaye zikhushwe intsholongwane kwalapha kwisakhiwo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba akukho sifo. Kubalulekile kakhulu ukuba wonke umsebenzi wase fama, ayazi ingozi aza nayo kwaye basebenzisane bonke ekunciphiseni loongozi. Iindwendwe zona zivumeleke kwindawo ezithile qha apha kwindawo yemveliso.

Izixhobo Zokulima, Izithuthi kunye Nesondlo

©Chris Daly

Indlela yokwenza izinto kufuneka isetyenziswe kuyo yonke into ethuthwa ngaphakathi okanye ngaphandle kwefama. Zonke izixhobo zokulima, isondlo seenkukhu kunye nezixhobo zokusela, kufuneka zicociwe kwalapha kwisakhiwo ukunqanda inqokelela yeentsholongwane okanye izifo ukuba zingasuleli ezinye iintaka. Yonke into esusiweyo kwisakhiwo, kufuneka ikhutshwe iintsholongwane phambi kokuba ibuyele ngaphakathi.

Eyona nto ebhidayo apha yile yokunqanda izithuthi ukuba zingangeni nezifo efameni, izithuthi ziyatshutshuzwa ukuya phantsi kwaye ziphinde zikhutshwe iintsholongwane phambi kokuba zivunyelwe ngaphakathi, iintshukumo zazo zikhawulelwa kwindawo ezithile qha ezilapha efameni.

Isondlo yenye ingozi, kuba singafane sikhuphe ubuthi betyhefu. Ukunciphisa ingozi, abalimi kufuneka baqinisekise ukuba banika iintaka okona kutya kusezingeni eliphezulu.

Ezinye Izilwanyana

Iintaka zigcinwa ezindlini ukuthothisa unxumano kunye nezinye izilwanyana, kunye nezinye iinkukhu imbala. Abalimi abaninzi basebenzisa indlela ethi ngaphakathi-ngaphandle zonke, apho iintaka zibekwa ndawonye ngokwe yeminyaka yazo, xa zifika kwifama kwaye zigcinwa zonke ngalo lonke ixesha lemveliso zide zihambe kulo fama.

Izakhiwo zicocekile kakhulu kwaye zikhutshwe intsholongwane, ngaphambili nasemveni kokuba iqela elithile ligqibile imveliso yayo, lonto inqanda izifo ukuba zingasuleli amaqela wonke. Iintaka ezigulayo zisuswa ngokukhawuleza kwaye iintaka ezifileyo ziyangcwatywa ukunqanda usasazo lwezifo.

Ukuxhumana nezinye izilwanyana kufuneka lubalekilwe ngalo lonke ixesha. Iintaka zasendle zinengozi enkulu kuba zibonwe njenge ntaka ezi banomkhuhlane weentaka. Esisifo sibonwa njengesona sifo esikhulu esingubhubhane kwimveliso yeenkukhu kwaye esisifo sikhe sichaphazele nabantu. Ukuphuma kwesisifo kuye kwaphumela ekubeni iintaka ezininzi zibulalwe kumazwe amanzini elizweni. Iintaka zasendle okanye iintaka ezifileyo ziyakwazi ukungcolisa amanzi wokusela, lonto ingabangela izifo ezininzi.

Amabuzi kunye neempuku ayaxhalabisa kakhulu. Ukongezelela ekubeni isondlo, ukutya kunye nokophula amaqanda atsho ebulala amantshontsho, aphatha intlobo-ntlobo zezifo, ezifana nentwala, izilwanyana zasendle kunye neempukane. Amagundwane kufuneka agcinwe ngaphandle kwindawo yemveliso, ngokunciphisa indlela yawo yokungena kunye nokuvala iindawo eziqhekekileyo kunye neendawo ezivulekiyo, apho iimpuku zingazukwazi ukutya into ebonakalyo, efana nengubo eyenziwe ngelaphu, ilaphu eliqinileyo okanye isamente. Imigibe kufuneka isoloko isetyenzisiwe, ukugcina inani lezizilwanyana liphantsi.

Amacebo Wemveliso Yomphakathi

Ukhuseleko kwimveliso yomphakathi lukhe lungenzeki xa iintaka zivunyelwa ukuba zizula-zule emphakathini zifuna ukutya. Phantsi kwezo meko, abanikazi beenkukhu bakhe bazame iindlela ezithile okanye basebenzise noba yintoni na abayifumanayo ukwakha uthango phakathi kweenkukhu zabo kunye nezinye izilwanyana eziphatha izifo.

Ukuba abakwazi ukwakha uthango, abavelisi beenkukhu bakhe basebenze bonke ukwazisa abantu ngengozi yezifo baphinde basebenze nabantu ukukhusela iintaka ngoku:

Ukususa iintaka ezingathi zigula kakhulu ngaphezu kwezinye.
Ukwazisa abantu abasebenza ngezilwanyana xa bethe babona isifo esithile, ukuqinisekisa ukuba ayiso sifo esingubhubhane.
Ukususa nokulahla izilwanyana ezifileyo phambi kokuba zichaphazele iimpilo yezinye izilwanyana.
Kufuneka kuthengwe iintaka eziphuma kumnombo odumileyo.
Ukugcina iintaka ezintsha zahlukene neentaka ezindala okweveki ezimbalwa nje ukuqinisekisa ukuba iintaka ezintsha azikhosemngciphekweni.
Uxhulumano oluncinci phakathi kwabathengi kunye neentaka, ingakumbi xa kusaziwayo ukuba abathengi baya kwindawo zemveliso ezahlukeneyo xa bethenga eziintaka.

Translated by Aviwe Damane