uKhululo luka Nelson Mandela Entolongweni

© Eric Miller

Ukuphakanyiswa Kwesibheno se ANC

Ukususela ngonyaka ka 1986 uNelson Mandela wayenxulumene namalungu ka rhulumente, okokuqala noNgqongqoshe we zobulungisa uKobie Koetzee, no Ngqongqoshe we Sisekelo mthetho, u Gerrit Viljoen.De waba nomhlangano no Mongameli uPW Botha ngo July ka 1989 eTuynhuys.

Ngo December ka 1989 wadibana noMongameli omtsha u FW De Klerk. Mgomhla wesibini ku Februwari ngo 1990, Umongameli uDe Klerk wenza umpapasho sokuba isibheno sichithiwe kumbutho we ANC nakweminye imibutho ngexesha enza intetha yakhe yokuvula ipalamente. uMandela wakhululwa entolongweni ngomhla we 11 ngo Februwari ngonyaka ka 1990. uMandela waqala ukuthetha kwinginginya eKapa, eSoweto kunye nase Thekwini oku ke kwatsala amawaka waka abantu.

Ukujongisa Kunyulo luka 1994

Iminyaka elandela u1994 yayixakeke kakhulu. uNelson Mandela wahambahamba uMzantsi Afrika nakwamanye amazwe edibana namalungu abalulekileyo karhulumente nombutho we ANC. Waqala ngohambo oluya eLusaka eyokudibana nekomiti yolawulo lwe ANC ngo March ka 1990.

uMandela wandwendwela uMongameli we ANC uOliver Tambo eSweden , kodwa kwanyanzeleka uhambo lwakhe alushunqulele njengoko bekukho ingxwabangxwaba ezininzi eMzantsi Afrika. Ngo May ka 1990 uMandela wakhokhela iqumrhu lombutho we ANC owabamba intetha naba meli baka rhulumente eGroote Schuur. Ngo June uMandela waqala uhambo lwakhe oluya phesheya lwekevi ezintandathu, kwelase United Kingdom, phesheya kwe Melika ne Afrika.

Wayefumana iwonga naphi na apho wayesiya khona. Ngo 1992 uMandela waqhubeka nokuhamba hamba kumazwe ngamazwe, ehambela iTunisia, Libya, kunye ne Morroco.Yena noMongameli - uDe Klerk bobabini bayamkela imbasa ye Unesco Houphoeut-Boigny Peace prize eParis ngomhla we 3 Februwari.

Kwangexesha elinye lamadoda mabini ayengene iWorld Economic Forum eDavos kwelase Switzeland. Ngomhla we 13 April ngo 1992, uMandela wabiza abendaba apho wathi wachaza khona okokuba yena nenkosikazi yakhe uWinnie, bavumelene ukwahlukana ngenxa yokunga boni ngaso linye okuthe kwanda phakathi kwabo kwinyanga ezidlulileyo.

UShicilelo Loku qonda Lwatyikitywa

uMandela wachaza ngo September ka 1992 okokuba wayekulungele ukudibana no De Klerk, xa ezakuphelisa ukubonakalisa ngezixhobo ezinobungozi kwaye akhulule amabanjwa ezopolitiko. Badibana ekupheleni kwenyanga kwaye ezintetha zenza okokuba ezinkokheli zimbini zityikitye isivumelwano esavumela okokuba ingxoxo ziqalise.

Unyulo luka Mongameli

Ngo September ka 1993, uMandela wandwendwela eMelika wacela inkokheli ezingozomashishini zelizwe zisuse ukuvalelwa kwezorhwebo eMzantsi Afrika. Ekupheleni kuka 1993, uyoma ekuqaleni kuka 1994 uMandela wakhankasa endaweni ye ANC esenzela unyulo luka 1994, wathetha kwi rali ezininzi nakwi ndibano zabantu.

Ngo 1994, unyulo lokuqala lwabanjwa, lubanjelwa uluntu lonke okokuba luvote nokuba loluphi uhlanga. Ngo May ka 1994, uMandela wathi wachongwa nje ngoMongameli woMzantsi Afrika. Uthanjiso lwakhe lobu mongameli lwenzeka kusuku olu landelayo kwi Union Building ePitoli, lomsitho wangenwa zinkokheli ezininzi ezisuka kwamanye ngamazwe, oku kwakuko kokuqala kusenzeka.

Ngexesha esenza intetha yakhe yentambiso, uMandela wacela ’ixesha lempiliso’ watsho ke okokuba urhulumente wakhe akasokuze avumele ubandlulo, nolunjani na. uMandela wathembisa ukwakha ilizwe apho wonke ubani anokuhamba ngoku khululekileyo ngaphandle koloyiko.

Imini Ebuhlungu

Ngonyaka ka 1999, uMandela wathatha umhlalaphantsi kwezopolitiko, kodwa hayi ngoku phelelyo waqhubeka ekhankasela ezempilo nezemfundo. Ngelishwa ke uNelson Mandela wathi wasweleka ngomhla wesihlanu (5) kwinyanga ka December ngo nyaka ka 2013 eneminyaka emngamashumi alithoba anesihlanu (95). uMzantsi Afrika nelizwe lonke zathi zakuzilela ukushiywa yindoda eyayine sandla esivulekileyo iligorha. Ilifa lika Nelson Mandela lisaqhubeka nge Nelson Mandela Foundation, kunye ne Nelson Mandela Children's Fund.

Translated by Zikhona Plaatjie

Mandela and the 1994 Elections by Raymond Louw

Wonke ubani uyathetha ngonyulo lonyaka ka1994 olwatshintsha uMzantsi Afrika kwilizwe elinobuhlanga, neli lawulwa ngegqudu....more