Owona nobangela wokufuywa kwama dada kwilizwe loMzantsi Afrika kukuvelisa inyama. Inyama yedada ithengiswa kakhulu kwii restyu ezikwizinga eliphezulu, kwi suphamakethi ezithile, kwii deli nakwi marike zama fama.
Yimakethi encinane enemiceli mngeni yayo ethile: ubungozi obuquka izigulo ze avian influenza kunye namadada anexabiso eliphantsi asuka kumazwe angaphandle. Noxa kunjalo le yimakethi enethuba elikhulu lokukhula, ingakumbi kwiPhondo leNtshona Koloni. Amafama amatsha ayakhuthazwa ukuba enze uphando aze afumane ne makethi/abathengi ngaphambi kokuqalisa ushishino nofuyo.
Olu chunge chunge lulandelayo lujonga ukufuywa nokuthengiswa kwenyama yamadada. Lukwajonga nezinye iimveliso ezihlobene namadada.
Translated by Zizipho Silwana