uCoceko kwifama yoBisi

©Chris Daly
Iindawo zokugcina ubisi kufuneka zihlale zicocekile ngalo lonke ixesha, kwaye kufuneka zibekwi ndawo ecocekileyo, ekude nezino kwenza ungcoliseko kwaye kude nendawo zokuhlambela. Gcina indawo yokusenga, indlu yenkomo, amabele enkomo nendawo engqungileyo mayihlale icocekile ukuqinisekisa ubisi olucocekileyo kwaye kuthintele nosasazeko lwezifo.
Isibaya okanye indlu yenkomo zakho kufuneka zihlale zicocekile, nomondlalo ococekileyo (ingca okanye impuphu), amanzi nezixhobo zokufaka amanzi kunye nokutya. Kubalulekile indlu yenkomo zakho ingene umoya. Kubalulekile ukuthintela izinambuzane, iirote, kunye neentaka kwindawo, kwaye kunga vunyelwa izilwanyane zase khaya okanye iinkukhu kwindawo yokugcina ubisi, ukusenga okanye iindawo ezine zindlu zezilwanyane.
Indlu yokusengela kufuneka ibene samente phantsi ehlambekayo okanye ivaswe ngombhobho wamanzi phambi kokuba kusengwe nangexesha lokusenga. Uqaphele okokuba ubushushu, nobumanzi zizisa iintsholongwane. Umsengi kufuneka ahlambe izandla zakhe phambili nase mveni kokusenga inkomo nganye kwaye anxibe iimpahla ezicocekileyo ezifana nezigqumathelo zobuso, izikhuseli zandla, iigambutsi kunye ne overoli.
Emveni kokuvasa, nxuza izandla kwisikhuseli sentsholongwane. Xa usenga ngesandla, vasa izandla phambi kokusenga wakugqiba unxuze izandla kwi diphu ye titi phambi kokusenga inkomo elandelayo. Hlala usengela kwi emele esilivere yentsimbi, hayi iplastiki.

iNdlela yoku Senga

©Chris Daly
iinkomo kufuneka zisengwe rhoqo nge yure ezilishumi elinesibini (12) kwaye ngendlela ethile. Musa ukusenga ngapha kwesithathu ngemini, kuba oku kungayonakalisa ingono unaphakade. Iinkomo ezindala, ekudala zivelisa ubisi, zibanee ntsholongwane ezininzi kwingono zazo.
Senga kuqala inkomo esisandula kubanamathole, ulandele ngeenkomo ezinobisi oluselutsha, ulandele ngeenkomo ezindala ze ugqibelise ngeenkomo ezine sifo se mastitis. Ubisi olusengwe kwezi Nkomo kufuneka luchithwe lungaxutywa nobisi olusuka kwinkomo ezise mpilweni. Xa uthe wasenga ibele elinesifo se mastitis, vasa izandla zakho uzinxuze kwisichasi ntsholongwane.

Ukucocwa kwe Ngono

©Chris Daly
Coca amabele neengono emveni okusenga ubisi lokuqala. (ubisi lokuqala lunceda ukuzisa ubisi oluninzi kodwa liphezulu kwintsholongwane). Ukuvasa imizuzu engamashumi amabini (2 seconds) kungcono nge 50% kunokuvasa nge (6 seconds). Uphando olwenziweyo luqinisekisa okokuba iingono kufuneka zome phambi kokusengwa.
Sula iingono, nalapha ezantsi kwazo ngephepha elomileyo elixutywe ngamanzi anezithinteli zezifo. Vasa amabele amdaka kakhulu ngamanzi acocekileyo adikidiki kunye ne sithinteli zifo ze uzomise nge tawuli. Iitawuli ezenziwe ngekhothoni kufumaniseke okokuba zigcono kunee tawuli zamaphepha ekunciphiseni intsholongwane ezingcolisa ubisi. Ungaze usebenzise ilaphu elinye kwi Nkomo zonke. Ukunxuzwa kwe ngono kungenziwa ngaphambili nasemveni kokusenga ukuqinisekisa ucoceko oluphezulu lwamabele.

Ukunxuzwa kweNgono

©Chris Daly
Ukunxuzwa kwe ngono kubalulekile ukuthintela nokulawula isifo se mastitis. kungehlisa izinga losuleleko olutsha ngo 70% ukuya ku 80%. Idiphu kufuneka ibene glycerine, lanolin, okanye nesiphi na isithambisi esilungele ukuthambisa amabele. Nxuza phambi kokusenga kodwa zama ukunqanda ubisi olushiyeke ngexesha lokunxuza lingangeni kweli lisengwayo. Coca ingono phambi kokusenga, unxuze I 30 seconds wakugqiba uhlole imastitis wakugqiba wosule iingono ngephepha letawuli, nkomo nganye. Ukuthintela ukusuleleka nongcoliseko lobisi, qinisekisa iingono zomile emveni kokufaka idiphu.
Ukhona umahluko omkhulu Phakathi kobisi lwaphambi kokuba kusengwe nobisi olulandelayo mva. Sebenzisa idiphu apho kufuneka isetyenziswe khona. Nxuza ingono ngoku khawuleza emveni kokusenga ukususa ubisi olushiyekele kwingono. Sebenzisa ibhotile ekhethekileyo yetiti ye diphu kufuneka ivaswe rhoqo emveni kokusengwa kwaye okushiyekileyo kwititi kulahlwe. Sebenzisa ibhotile yediphu okanye isifafazi ukuthintela intsholongwane zinga ngeni kumgqobho we ngono. Lebhotile ye titi yediphu kufuneka ivaswe rhoqo emveni kokusenga kwaye idiphu eshiyekileyo kwi bhotile ilahlwe.

Ukucoca Izixhobo

©Chris Daly
Izixhobo zoku senga kufuneka zicocwe ngoku khawuleza emveni kokusenga. Kuqala pula ngamanzi adikidiki uphinde uvase ngesicoci sibekwizinga lobushushu eliphezulu. Emveni koku coca, vasa izixhobo zokusenga ngamanzi acocekileyo, uhluze uzomise wakugqiba. Kufuneka ibe sele yomile phambi kokuba uphinde usenge kwakhona.

Translated by Zikhona Plaatjie