uAlbertina Sisulu - uKuwongwa Ngeminyaka Yentsebenzo Nokuzinikela

©Eric Miller

uAlbertina Sisulu ngomnye wabantu abahloniphekileyo kwimbali yeli lo Mzantsi Afrika. Wafumana ukuwongwa amatyeli amaninzi ngokuzinikela kwakhe nentsebenzo yakhe kumzabalazo ochasene nobandlululo:

Ngonyaka ka 1986 wafumana imbasa yewonga yobumi be Reggio nell’Emilia e-Italy. Ngonyaka ka 1988 iphepha ndaba lase Lenasia, iThe Indicator, la wonga usapho lakwa Sisulu ngembasa yabo benze iindaba ezininzi enyakeni (Newsmaker of the Year Award).

Watyunjwa njengo Mongameli we World Peace Council ese Switzerland ukususela ngo 1993 ukuya ku 1996. Okuyayi kukuwonga ubutsha ntliziyo bakhe kumlo ochasene nobandlululo kunye nobu ntlala kahle.

Ngonyaka ka 1994 wabayingxenye ye Palamente yokuqala yenkululeko wasebenza iminyaka emine (4), wathabatha umhlala phantsi. Wafumana imbasa kulowo wayesakuba ngu Mongameli uNelson Mandela. Ngonyaka ka 1999 wawongwa imbasa yobudokotela kwi Yunivesithi yase Witwatersrand ngokuzinikela kwakhe kwinkululeko nobulungisa beli lo Mzantsi Afrika.

Ngonyaka ka 2003 wawongelwa iminyaka yokuzinikela kwakhe ekuphakamiseni abantu bo Mzantsi Afrika yaze indawo ese Soweto yabantwana abakhubazekileyo yabizwa ngegama lakhe. Ngonyaka ka 2004 wavotelwa wangowe 57th kwisikhululo sika mabonakude i-SABC 3 kwihlelo elithi Great South Africans.

Translated by Zikhona Plaatjie