Spoonbill
Isixula’masele

© Nigel Dennis
Spoonbill.

Inkangeleko

Isixula’masele yintaka enemilenze emide. Ubude bayo bungange 90cm (36’). Umzimba wayo umhlophe ngaphandle kwemilenze yayo ebomvu, ubuso nomhlathi wayo. Amaphiko wayo angange 36 - 40 cm ngobude. Lentaka iqhapheleka lula ngenxa yomhlathi owakhiwe njenje khamba. Xa sizalwa, Isixula’maxele asifani njenge khamba. Sizalwa sinomqhele omfutshane okhula afane nekhamba. Ifana nekhamba phambi kokuba kufike ixesha layo lokushiya indlwane. Zombini imazi nenkunzi ziyafana ngenkangeleko.

Itya ntoni

Isixula’masele sitya ukutya okuquka intlanzi kuye nezilwanyana ezanyisayo ezifana nesilwanyana saselwandle, izinambuzane, izilwanyane ezingenamaphiko kunye nezilwanyane ezinomzimba othambileyo.

Ukuzala

Isixula’masele siqala ukuzala pha ebusika. Ixesha lokuzala lithatha liqala ebusika liphele kwi-ntlakohlaza. Izala kwi-koloni ukusuka pha kweyeKwindla ukuya kweyoMsintsi. Imazi ibeka amaqanda ayi 3-5 kwinyanga yeTshazimpunzi okanye u-Canzibe. Amaqanda aqheleke enemibalabala enamachokoza abomvu, ntsundu okanye bhlowu. Ibeka amaqanda kwindlwane enezinti okanye emthini ongase Manzini, kodwa indlwane yayo iyafumaneka kumgxobhozo onamatye, imifuno okanye amawa. Ezindlwane zikufutshane emhlabeni okanye ziphezulu emithini apho kukho amanzi. Umphakathi wendlwane ugcwele amagqabi. Emva kokuqandusela amamtshontsho akhathalelwa ngabazali bawo kangange ntsuku eziyi 20-30. Emva koko, ziyabhabha emva kweveki ezine.

Isimilo

Isixula’masele sinentloni kwaye siyintaka ebhadlileyo. Ifumaneka ihamba yodwa kodwa iyahamba neqabane okanye iqela leentaka. Izithulele yona ngaphandle nje kokugquma xa yothukile. Ezintaka zindiza emoyeni. Xa ibhabha yandisa umqala kunye nemilenze, imane iphosa iimpiko zayo emoyeni. Isixula’masele itya ngokuloba kumanzi anzulu. Ikhangela ukutya kwayo ngoku shukumisa imihlathi macala emanzini. Umhlathi wayo uyanceda ekubambeni ukutya.

Ihlala phi

Isixula’masele sifumaneka kwinzulu yamanzi. Lentaka ithanda ukuhlala kumanxweme omlambo, elwandle, kumathambeka, emathafeni, kwimigxobhozo nasemadlelweni.

Zifumaneka phi

Isixula’masele sifumaneka kumazwe amaninzi, nakwi kwintshona ye Afrika. Amanye amazwe aquka i-Botswana, Kenya, Madagascar, Mozambique, Namibia, uMzantsi Afrika kunye ne-Zimbabwe.

Igama lesi-Latin

Platalea alba