I-Predation Management Forum

©Eric Miller
Abavelisi bemfuyo bathatha ulawulo lwezilwanyana ezitya ezinye ngokuzimisela de iNational Wool Growers Association, iRed Meat Producer’s Organisation, iMohair Grower’s Association kunye ne Wildlife Ranching South Africa zaseka iPredation Management Forum ngenyanga ka June ngonyaka 2009.
Zininzi izizathu zokuseka eliqembu (forum), kwezinye kukuqaphela okokuba ukutyiwa kwezilwanyana zezinye akuhambi kodwa kwaye iindlela namanyathelo ajolise kulengxaki zifuna ukuvavanywa nakumthetho weli lo Mzantsi Afrika, logama ungatyeshelanga amalungelo woluntu okukhusela iimpilo nempahla zoluntu, ezifana emfuyo neenyamazana kukhona isidingo esikhulayo sokuqinisekisa okokuba iindlela zokuchaza nokulawula lengxaki zingaphantsi kwemithetho yesayensi engqongqo.
Injongo yeliqembi, ngokwe website ye Predation Management Forum, kukunikeza iqonga lokuthetha nokunxulumanisa izenzo zeenkampani ezithengisa imfuyo neenyamazana ukuze kuthintelwe ilahleko yezilwanyana ezityiwa zezinye ngendlela ezamkelekileyo “ngendlela yokukhulisa izilwanyana nehambelana kunye nemithetho eyamkelekileyo, ekhusela izityalo nendalo eMzantsi Afrika”.

Indlela Emanyeneyo

©Roger de la Harpe
Kulawulo oluyimpumelelo yezilwanyana ezityiwa zezinye, onke amafama nabanikazi bomhlaba kufuneka basebenzisane, kuba ingxaki ezikwi fama enye zizakuphumela kwenye ifama. Ukuba nefama ekufuphi kwindawo enendalo okanye ifama yempela veki, apho umnikazi angazixhalabisi kakhulu ngezi zilwanyana, oku kubayi ngxaki.
Ixabiso lolawulo olusebenzayo lingu mceli mngeni omkhulu, ingakumbi kumafama amancinci kunye nasakhasayo, kuba ixabiso lecingo liphezulu kakhulu kwaye amafama amaninzi awanazo iimoto kunye nezixhobo zokulawula ezizilwanyana ngendlela. Kumanye amaphondo, umzekelo kungadingeka impepha mvume zokudubula okanye ukubamba izilwanyana ezithile ezenza umonakalo, kwaye xa iintlobo ezithile zithe zadutyulwa, amafama kufuneka arhafe imali engapha kwe R500 ngesilwanyana ngasinye (ngonyaka ka 2016).
Le meko ifanayo iquka amafama adibeneyo ngendawo yokuhlala okanye yemfuyo, apho umbuzo uye uphakamiswe wokuba ngubani ekufanele abhatalelele ezizithenteli ziluncedo.

Translated by Zikhona Plaatjie