Porcupine
Incanda

© Nigel Dennis

Igama

Incanda okanye Incanda yase Koloni [Hystrix africaeaustralis]

Inkangeleko

Inkunzi kunye nemazi ze Ncanda zase Afrika zinobunziba obuqala ku 18-30kg (malunga ne 40-60 pounds) kwaye zinobude obulinganiselwa kwinyawo ezimbini. Incanda yase Afrika luhlobo olungabalelwa kusapho lwempuku olunentsiba ezinde eziukhalu, ezifikelela ku 50cm ubude, nezithi zigqume umqolo lo wonke kwaye zikwazi ukunyuswa ngamandla omzimba aphanti kwesikhumba. Nangona ibufana ne Echidna ngenkangeleko azihlobenanga kwaphela. I Echidna, nekwaziwa ngokutya iimbovane, luhlobo lwe Monotreme olugqunywe zintsiba eziqinileyo, ezibukhali nezixubene nenwele ezinde eziqothololo.

Njenge Echidna, iNcanda yase Afrika inesikhumba esimdaka-mnyama nentsiba ezibukumbhatsha. I Ncanda yase Afrika lolona hlobo lwempuku olukhulu kwingingqi yayo. Iimazi zikumlinganiselo owogqitha i1 kg lowo wee nkunzi kwaye zombini izini zinobude obungapha kwe mitha ubude.
Kwaye ziphila ixesh elide xazithelekiswa nezinye iindidi zempuku, ziphila iminyaka eli 15 ukuya kweli 15 endle. Ezincanda zigqunywe buboya obuleleyo nobuqinileyo kwaye zinentsiba emqolo nasemikhonweni. Umahluko phakathi kweziintsiba zihlabayo nezi zibukuthamba kukuxinana, ezi zihlabayo zinobude obungama 50 cm ubude logama ezithambileyo zifikelela kuma 30 cm ubude.

Ezintsiba zithambileyo nezihlabayo zimnyama namhlophe, kwaye incada iyakwazi ukuzivusa xa ithanda khona ukuze ibonakale inkulu kwaye isoyikisa. Ezinye iintsiba zasemsileni azinamongo ngaphakathi kwaye zenza isandi esirhwashazayo xazishukunyiswa. Ezi zibukhali kakhulu iintsiba ziyaphuma xaziphathwa lutshaba okanye zishukunyiswa, kodwa ziphinda zikhule kwamsinya. Ii Ncanda zase Afrika zikwanawo namabhovu amade akwaziyo ukugungqa.

Isidlo

Ii Ncanda zase Afrika aziyityi inyama ubukhulu becala, zisebenzisa inzipho zazo eziqinileyo ukugrumba iingcambu, namagaqa. Zikwazithanda neziqhamo eziwele phantsi emithini kwaye maxa wambi ziye zintlantlathe izikhondo zemithi.
Amathumbu azo angaphambili ane oganizim ezithi zicole izityalo eziginywe zingekacoleki. Kukho nengxelo ethi maxa wambi ziyakutya ukutya okuyinyama. Kwindawo apho iziqhambo neengcambu zinqongophele khona, zithi zigrunye amathambo. Ezincanda zivamise ukugcwalisa imfumba yamathambo kwimi hadi yazo.

Ukuzala

Iinkunzi zencanda zifikelela kwixesha lokukhwelana xa ziphakathi kweenyanga ezisibhozo ukuya kwezilishumi elinesibhozo ubudala, logama iimazi zifikelela kweli lixa xaziphakathi kweenyanga ezilithoba ukuya kwezilishumi elinesithandathu ubudala. Ngenxayobungozi bendlela ezimile ngayo, iimazi ibazizo eziqala isenzo sokukhwelana ngokuthi zizise kwiinkunzi.
Zimitha isithuba senyanga ezinthathu. Amantshontsho azalwa emane okanye libelinye ngexesha. Lamantshontsho azalelwa kwingqweji eyondlalwelwe ngengca kumhadi wabazali bawo, ezalwa ngethuba lenyanga ezimanzi zeYethupha ukuya kweyoKwindla.
Ikakhulu izala intshontsho libelinye, kwaye elisandula kuzalwa libanobunzima obungama 311g. Amantshontsho azalwa sele egqibelele, amehlo evulekile namazinyo sele ekhona. Anentsiba ezithambileyo xa ezalwa, kuthekelelwa ukuba oku kulungiselela ukuzala kubelula kodwa zikhawuleza ziqina zakubethwa ngumoya.

Amantshontsho ayakhawuleza ukukhula, akhula ngokugqibeleleyo ngonyaka nje omnye. Athi ampeleswe iinyanga ezintathu ukuya kwezine apho zibe sezinobunzima obuzi khilo ezine ukuya kwezintlanu.
Emva kokuba ziwayekisile ukuncanca amantshontsho azo, imazi zencanda azikwazi uphinda zimithe de kugqithe iinyanga ezinthathu ukuya kwezine.

Ukuziphatha

Xa incanda idiniwe, iyavungama kwaye iphakamise iintsiba zayo ezimnyama namhlophe. Kukho ushicilelo apho ingwe yaphantse yabulawa yincanda. Iincanda zizihambela zodwa okany ngokwamaqela amancinane osapho. Zivamise ukulala emini zize zitye ebusuku. Incanda yase Afrika ihamba ebusuku indalo yayo, nangona isenokubonwa nasemini. Iindlebe zazo zibukhali kwaye zima ngxi xazihlangatyezwa ziintshaba, ezifana nee kati ezinkulu zehlathi, neentaka ezinkulu okanye oodyakalashe.

Xa zixinaniselekile ezi ncanda zibanolaka, zibalekele ecaleni okanye emva ukuze zifake iintsiba zazo ezibukhali kulonto iyihlaselayo. Ngamampunge elokuba ziyakwazi ukujula iintsiba zazo, kodwa zisenokuphuma xazizishukumisa. Enye indlela yokuzikhusela, kukuthi zizimele emngxunyeni ngentloko, zize zimise iintsiba zazo ezibukhali ngalendlela azinako ukuphuncuka. Ezi ntsiba zingenamongo zinengxolo erhwashazayo nazo zongeza engxolweni xazishukunyiswa.

Intlalo

Iincanda zase Afrika zifumaneka ukusukela kwindawo ezinolwandle olungapha kwe 2000m phezu komhlaba, nakwindawo ezixhaphakelwe zizityalo. Zikholwa ziinduli ezinamatye nezityalo kuba kufuneka zibenendawo zokusithela emini.
Zithi zihlale emiqolombeni okanye emingxunyeni. Zikwakha nemihadi engaba nobude obufikelela kwi 20 m ubude nobunzulu obuyi 2 m.

Apho Zifumaneka Khona

Zihlala ku Mntla Afrika, Mzantsi Afrika nase Mpuma Afrika.

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Igama lesi Latin: Hystrix africaeaustralis
Ubunzima (Imazi): 10 - 24 kg
Ubunzima (Inkunzi): 10 - 19 kg
Ubude (Imazi): 84 cm
Ubude (Inkunzi): 84 cm
Ixesha lokumitha: 7 iveki
Inani lamantshontsho: 1 - 4
Ubunzima xa izalwa: 315 g
Ubume: Rodentia
Usapho: Hystricidae
Ukuzala: 1 - 3 Amantshontsho ayazalwa nangaliphi ixesha phakathi enyakeni (Indawo ezinemvula zehlobo, Eyethupha – EyoKwindla) emva kokumitha isithuba senyanga ezintathu.

Imizila Yenyawo

Incanda inenzwane ezintlanu kwinyawo zangaphambili, uzwane lokuqala lucuthekile lwasisinqindi esingena zipho. Ezinye iinzwane zinenzipho ezakhekileyo, logama iinzwane ezintlanu ezingemva zinenzipho zonke. Inzipho zangaphapmbili nangemva zibonisa izangqa ezintathu kunye nezimbini ezisondeleneyo kumzila.