Izilo neeNtyatyambo eziseRobben Island

Indalo Yaphazamiseka

©Roger de la Harpe
Esi siqithi sigqatsa ubhobhoyi ehlotyeni kwaye sibanda nkca ebusika. Phambi kokufika kwabantu kwesi siqithi, izityalo ezazilapha yiyiyingca ikakhulu kunye namatyholo amafutshane.
Yonke imithi ekhoyo namhlanje yatyalwa ngabantu kwiminyaka engama 500 edlulileyo, ukuzama ukwenza esi siqithi sibukeleke.
Enye yezizathu zokuba izityalo zinqongophale kwesi siqithi kukuba sasingenamanzi oneleyo. Akukho milambo okanye machibi, yimigxobhozwana nje yamanzi anetyuwa.
Xa abantu befika, amanzi ayesoloko eshoya kwaye izindlu zazivamise ukwakhiwa zibenee fatyi ezinkulu zokukhongozela amanzi emvula.
Kwi sentyuri 20, ubuxhakaxhaka bokucoca amanzi anetyuwa bafakelwa ukuze kubekho amanzi oneleyo.
Kodwa iseyindawo eyomileyo kwezo zilwanyana zingenokuphila kumanzi / ngamanzi olwandle.
Isekhona indawana yokungalawuleki nokubanenani kwe Robben Island. Abantu bazamile ukuyenza ibeyindawo ephucukileyo nenokuhlalwa ngabantu, ngokutyala imithi ye phalm (nesele igotywe ngumoya ngoku) nokutyala ne bougainvillea egqamileyo kwiigadi ezinothuli.
Kodwa esi siqithi sisenokuxweba okungapheliyo, kwaye oku yinxalenye yobuhle baso.

Ubomi Basendle Buninzi

©Roger de la Harpe
Izilo ezazikhona apha ngokwendalo zaziquka izilwanyana zolwandle, ezifana nenja zolwandle, iintaka zolwandle kunye no nombombiya / iiphengwini. Iinyoka zemingxunya nazo zezalapha kwesi siqithi. Zonke izilwanyana ezihlala kwesi siqithi ngoku zaziswa ngabantu. Namhlanje, iinyamakazi ziquka malunga ne Amabhadi ali 15, Amatshabanqa ali, 200 European Fallow Deer, kunye neqaqobana lwe Bontebok, kunye ne Mpofu kunye neenciniba ezimbalwa. Ikwakhona ke nemivundla, iimpuku kunye neengada ezininzi.
Esi siqithi sizele nje zizilwanyana zasendle. Imivundla itsiba tsiba phakathi kwamahlahla, kunye nee mpunzi zizula zula kumhlaba ongabiyelwanga. Nokuba awuziboni, bukhona ubungqina bokuba kukho izilwanyana ndawo yonke. iDrolletjies / ubulongwe buthe gqaba gqaba wibala lebhola yombhoxo kwaye netela yoo nombombiya itshize indlela. Iintaka nazo zininzi apha, kwaye iindidi ezimalunga nama74 zee ntaka ziyafumaneka apha,kuquka iicormorants, amangabangaba aselwandle kunye ne lapwings, zininzi kwicala lonxweme elingahlaliwa mntu.
Ezona ziqapheleka kakhulu ke ngonombombiya base Afrika. Batabhata elunxwemenzi, kufutshane ne harbour. Kwaye bahamba naphi na apho bathanda khona. Omnye wabahlali osele eneminyaka engapha kwama 20 ehlala apha uthi, kudala aba nombombiya babengahamba hambi nje naphi kuba babesazi ukuba bangaphelela embizeni yonogada olambileyo. Kulemihla, bayazenzela kwesi siqithi, kwaye kuqikelelwa ukuba bamalunga nama 13000 onombombiya abahlala kwesi siqithi.

Translated by Zizipho Silwana