Inyama Yebhokhwe: Iintlobo Kunye Nokuyipheka

© David Blaine

Ukufuya ibhokhwe eMzantsi Afika kujongiswe ekufuyeni iibhokhwe ngenjongo yokuvelisa inyama (ezakwantu kunye ne Boer), ezoboya (mohair esuka kwibhokhwe i-Angora), ukutya okwenziwe ngobisi lwebhokhwe kunye nofele ne cashmere. Kuzo zonke, ngabathengisi bakucala benyama yebhokhwe abahamba phambili. Koku, iibhokhwe zithengiswa ziphila ze zixhelwe kwindawo zabucala zokuxhela ngenjongo zenkolo namasiko.
Inyama yebhokhwe yenza ama 60% wayo yonke inyama ebomvu ethi ityiwe kwihlabathi jikelele. Ukukhetha ke inyama yebhokhwe kuxhomekeka kumsebenzi wesintu okanye wenkolo nemvelaphi, kunye nesimo sezezimali sabantu balo ngingqi. Uphando olwenziwe yi Alabama Cooperative Extension System ye Alabama A&M kunye ne Auburn University ese USA, lufumanise okokuba inyama yebhokhwe yonwatyela ngabathengi aba Hispanic bona ke bathanda iibhokhwe ezise ncinci kwaye ezisemgangathweni, iziqithi zase Caribbean kunye nama Muslim awathi akhethe inyama yebhokhwe ezindala kunye neenkunzi ezinga thenwanga.
i-Cabrito yinyama yebhokhwe esuka kwibhokhwe ezityiswa ubisi, ziye zixhelwe zisencinci- zineeveki ezine (4) ukuya kwisibhozo (8) ubudala. Yonke inyama ye cabrito iyasetyenziswa, okungaphakathi kunye namalungu. Inyama ithambile kwaye inencasa xa zisele zincinci. Icabrito ngumngcamngce embindini nase Mzantsi we America.
Inyama eninzi yebhokhwe ezindala isetyenziswa kakhulu ukwenza oonqiyoyo.

Iimpawu Zezondlo Ezifumaneka Kwinyama ye Bhokhwe

Inyama yebhokhwe (chevon) ithandwa kuba ayinamafutha maninzi kwaye ayinayo incasa yenyama yenkomo. Abantu abaninzi bakhetha inyama yebhokhwe ezingaphantsi kwe nyanga ezilishumi nambini kuba isathambe kamnandi. Ukongeza, ichevon iphantsi kwityuwa kune nyama yomvundla, yenyamakazi okanye yenkomo. Amafutha kwinyama yebhokwe ngama 40% ngaphantsi kwamafele enkukhu kwaye ngama 50- 60 ngaphantsi ngokutyeba kunenyama yenkomo ephekwe ngokufanayo, kodwa umlinganiselo we protein uphantse wafana. Inkukhu (162), inkomo (179) ihagu (180), itakane legusha (175), inyama yebhokhwe yeyona inomlinganiselo ophantsi nge calories ezingu (122).

Umgangatho we Nyama Yebhokhwe xa Ixhelwa

©Susan Schoenian University of Maryland Extension
Ngenxa ngempawu ezithile kwinyama yebhokhwe, (ipH ephezulu ne glycolytic potential esezantsi), kubalulekile ukulandela imiqathango ethile ukuphucula umgangatho wenyama ye bhokhwe. Umzekelo, ukusebenzisa ugesi ukuyivusa nokungakhawulezi upholise umzimba wenyama kunga thintela ingqele ze oko kuphucule uguqulelo lomsipha ubeyi nyama.
Xa umzimba webhokhwe exheliweyo upholiswe ngoku khawuleza emveni kokuxhela, ifunyanwa yingqele ze imisipha idibane. Oku kwenza imisipha ibemifutshane, ze inyama iqine.
Inkathazeko zabathengi malunga nenyama yebhokhwe eqinileyo engatyekiyo zingapheliswa ngokuthi kulandelwe lemiqathango iphezulu rhoqo xa kuxhelwa kumaziko okuxhela izilwanyana

Ukupheka Inyama Yebhokhwe

©Susan Schoenian University of Maryland Extension
Uphando olwenziwe eMelika luchaze okokuba imfundiso yabathengi ngokupheka inyama yebhokhwe iyadingeka ukuze lande inani labathengi benyama yebhokhwe. Kuba inezinga lamafutha elisezantsi, kuyacetyiswa okokuba inyama yebhokhwe iphekwe kubushushu obusezantsi. Ukuyipheka kumlilo ophezulu kungayenza iqine, oko kwenze inyama eyomileyo kwaye eqinileyo. Oku kubalulekile xa ulungisa inyama yebhokhwe endala, umzekelo ibhokhwe i-Angora.
Iindlela zokupheka zingavelisa iziphumo ezohlukileyo kuxhomekeke ebudaleni bebhokhwe nakuhlobo lwebhokhwe. uElna Van Den Bergh owazama indlela ezininzi zokupheka inyama yebhokhwe i-Angora endala nebhokhwe iBoer encinci ufumanise umahluko kwinyama ye Angora, nangona isuka kwisilwanyana esidala, inenyama ecoleke kamnandi xa ithelekiswa nenyama ye Boer.
Xa inyama iyeye bhokhwe endala, kucetyiswa ukuyipheka ixesha elide kubushushu obuphantsi kuba yona yenza ithambe kamnandi kakhulu kunoku yikhawulezisa njengo kuyibeka emlilweni okanye esitovini samalahle. kulungile ke nokuyisebenzisa lenyama njenge nyama ecoliweyo kuba indawo eziqinileyo ziyacolwa xa inyama yonke icolwa.
Ubomi ke bale mihla buxakeke ngeyona ndlela kwaye alihlali likhona ixesha nendlela yokuthambisa inyama ze uyipheke kumlilo osezantsi. uElna ucebisa iimveliso zenyama yebhokhwe ezifana ne sosaties, nqiyoyo, nqiyoyo owomisiweyo, nezithanjisiweyo iimveliso esele zilungile zinga khuthaza abathengi okonyusa imisebenzi yenyama yebhokhwe kweli lo Mzantsi afrika.

Translated by Zikhona Plaatjie