Inkolo nee Nkolelo zama Ndebele

© Dr Peter Magubane

Ubomi buka Moya Obuphilayo

Njengamaqela amaninzi esintu eMzantsi Afrika, ubomi bama Ndebele bubonakaliswa ngobomi bakwa moya kwilizwe lika moya, obuthi ke bubonakale bunikeza indlela nakwimeko ezincinci zobomi. Izigulo, namashwa, impilo elungileyo nentlahla zonke zibonakala njenge ziphumo zongenelelo ngobomi buka moya, okanye nabaphetheyo kwelo lizwe.

Abo ke ngabaphilisi abasebenzela okulungileyo, okanye amagqwirha agcwele ukungcola. Izinyanya (abezimu), abona babalulekileyo kubomi buka moya, bona ke ngabathetheleli kwaye banesikhwele, bafuna ukusoloko kungxengxezwa kubo ngedini. Ukungakwazi ukulandela umthetho namasiko, njengoko izinyanya zifuna kukholelwa okokuba yeyona nto yenza amashwa.

Kukholelwa okokuba bakhusela abaphilayo kumashwa ngokuthi bathethe nabo ngamaphupho, ngokunikeaza amayeza enziwe ngemithi, amandla kunye neminye imixube. Izinyanya sisisekelo apho impiliso yesintu isuka khona.

Amandla wenkolo zezinyanya nokudumisa kunikeze ama Ndebele ukuqhubeka ngezinkcubeko zawo ezithe zawavumela okokuba agcine ubuwona phakathi kwamaqela anamandla namaqela akufuphi alawulayo, kunye nakumadabi emilo kunye nabo basuswe kumakhaya wabo.

Translated by Zikhona Plaatjie