Ingcaciso Magama Yenzala yemi Vundla

© Karoline Steenekamp

Nalu uluhlu lwama gama asetyenziswa kwi mfuyo yemivundla, nengcaciso yegama ngalinye.
Aggressive trait: Udlame (ukufuna ukuluma okanye ukukrwempa) oku kufundwa kubazali ukuya ebantwaneni.
Bedding: Ingca, amaphepha akrazuliweyo ukogquma apha phantsi kwi ndlwana, okanye kwingqeji zemivundla
Bloat: Ukudumba kwamathumbu okwenziwa kukutya ukutya okungawulungela loo mvundla
Breed Standards: Ingcaciso yokuba inzala kufanele ibenjani. Yonke inzala enga ngxengwanga yezilwanyana kukhona indlela ezijongwa ngayo.
Bucks: Amadoda emivundla
Catch Tray: Itreyi ebekwa ngaphantsi komgangatho wecingo ukubamba umgquba nomchamo
Castrate: Ukuthena, ukuze indoda yomvundla ingakwazi ukumithisa.
Chop: Ukudla okuhlaza, isityalo ilucerne, nengca ecoliweyo edityanisiweyo
Coccidiosis: Intsholongwane yesifo ebulala Imivundla, ifumaneka kakhulu kwindlwane ezinga cocisiswayo
Colony: Indlwana zemivundla emincinci ezininzi endaweni enye, apho abantwana bakhula bonke endaweni enye
Compost heap: Ingqokelela yomgquba wonke, ibhedi ne nezityalo eshiyekele ukubolisa isetyenziswe kwi gadi yemifuno njenge sichumisi
Concentrates: Ukutya okuxutyiweyo, okudityanisiweyo, ze kwafaka ku matshini wokwenza ipellet, indlela elungileyo kodwa ebizayo yokudlisa Imivundla.
Consistent: Ngalo lonke ixesha
Conception: Xa umvundla webhinqa umithi
Cover: Igama elisetyenziswa ukudibana kwendoda nomfazi womvundla
Does: Imivundla engabafazi
Double Tier: Indlwana ezelweke phezu kwenye
Eragrostis: Ingca entle enokomiswa ibezizicuku
Feed containers: Izitya nendlela ezisetyenziswayo ukuzisa ukutya kwindlwane
Foster: Ukuthatha abantwana kumama ubanikeze omnye wokuba khulisa
Genetics: Ubuchwephesha boku funda indlela ezahlukileyo zokuvelisa imivundla
Genitals: Amalungu okuya ecantsini
Green feed: Imifuno nokuba yeyiphi okanye ingca esentsha
Hay: Ingca eyomileyo
Hay Ricksy: Icingo elisetyenziswa ukubamba ingca
Haunches: Imilenze engemva kumvundla
Home Consumption: Umvundla oxhelelwe ukuba utyiwe kusapho, hayi ukuthengiswa
Hoppers: Izitya zokutyisa Imivundla ezincedisa Imivundla izityele
Hutch: Indlwana umvundla ogcinwa kuwo
Hutch card: Ikhadi lokubhala nokugcina okwenzekayo kwi cage
Immunity: Ukukhuseleka ekufumaneni izifo
Import: Ukuzisa Imivundla esuka kwelinye ilizwe
Indigenous: Izilwanyane ezisuka kulendawo zihlala kuyo/zase Mzantsi
Labour intensive: Idinga umsebenzi /Amandla amaninzi
Litter: Ingqokelelela yamasana omvundla azalwa ngumama omnye
Loins: Umsipha ohamba emqolweni womvundla apho imilenze yangase mva idibana nomzimba
Malocclusion: Amazinyo ophukileyo okanye amoshakeleyo
Mammary glands: Ingono zokunika abantwana bomvundla ubisi
Mastitis: Usuleleko lwamabele
Mating: Ukudibanisa indoda nomfazi ukuze yenze abantwana
Mentor: Umluleki okanye utishala
Myxomatosis: Isifo esibulalayo esingekhoyo emzantsi Afrika
Nest box: Indlwana apho umfazi agcina khona amantshontsho
Nipples: Indawo emabeleni apho abantwana basela khona ubisi
On Heat: Xa umfazi elungele ukudibana nendoda
Palatable: Incasa emnandi
Partition: Yokohlula indlwane enye kabini
Pellets: Ukutya okwenzelwe okokuba kutyeke lula
Predators: Izilwanyana ezifuna ukubulala zitye Imivundla, ezinje ngezinja, ikati, inyoka, nempuku
Progeny: Abantwana abasuka kwisilwanyane esinye okanye kwigquba
Prolific: Ukukwazi ukwenza abantwana abaninzi
Roughage: Ingca okanye ukutya okuhlaza okungezo pellet
Rump: Indawo yokuhlala ngemva
Sawdust: Uthuli olusuka ekusarheni amaplanga
Scruff: Inyama eyekileyo emveni kwentamo
Sexing of babies: Ukuhlula amadoda ebafazini xa belunyulwa ebeleni
Sleek: Isilwanyana esomeleleyo, esikhazimlayo esise mpilweni
Stock: Izilwanyane ezizalayo
Stockman: Umntu okhathalela kwaye aqondane kakuhle nomhlambi wakhe
Teff: Ingca enikezwa ekudidi oluphezulu
Territorial: Ukukhusela indawo yakho
Viral Haemorrhagic Disease: Isifo esibulalayo kodwa esingekhoyo apha Mzantsi Afrika
Vulva: Indawo yangasese emfazini
Water nipples: Ingxenye yendlela yokupha amanzi ezenzekelayo apho Imivundla isela khona
Weaning: Ukususa intsana kunina.

Translated by Zikhona Plaatjie