Indlela Yokuthatha Isigqibo

© Marinda Louw
Nanjengoko ulimo nofuyo ilishishini kwaye kufuneka kusetyenziswe imali nexesha; akufanelanga kuthatyathwe isigqibo esingahlelwanga ngendlela. Amafama kufuneka acinge ngazo zonke izinto ezenza ifama isebenze. Ezi zinto zingaquka abasebenzi, imali, ixesha, amanzi kunye neemfuno zabathengi. Zonke ke ezi zinto kufanele zidityaniswe kuhlelo lwenjongo yefama - nekukwenza ingeniso.
Ezinye iinjongo zokuqala ifama nezinokudlala indima kwizigqibo ezithatyathwayo efama zezi:
Ukwenyusa izinga lemveliso nelentengiso
Ukucutha iindleko
Ukuthintela ubungozi belahleko kunye namatyala
Ukufezekisa iminqweno yobomi obungcono nokukhathalela usapho
Ukuqinisekisa ukuba ifama iqhuba ixesha elide.

Amanyathelo Okuthatha Isigqibo

Amanyathelo okuthatha isigqibo efama (phofu ke nakuyo nayiphi na into ebomini) angacalulwa kahlanu.
Yazi Imvelaphi Yengxaki.
Kuse nokubakho ingxaki efana nesivuno esibhityileyo okanye esincinci, kodwa yintoni kanye unobangela? Ingaba usebenzisa imbewu ekumgangatho ophantsi? Utyala ngaphambi kwexesha, ze izithole zonakaliswe yiqabaka? Ingaba umhlaba awunazinongo zaneleyo?
Ingxaki isenokuba kukungakhuli kakuhle kwefama. Qala ngokuqokelela iinkcukacha, umzekelo, fumanisa ukuba iifama ezikungqongileyo zenza njani zona. Ingaba zisebenzisa izichumiso okanye umgquba, ziqala nini ukutyala, zinkcenkceshela kanganani njalo njalo.
Phanda Ngezisombululo Okanye Amanyathelo.
Emva kokuba sele uzibonile iingxaki kunye nowona nobangela wazo, kufanele kuphandwe ngezisombululo. Ingaba ungakwazi na ukutshintsha amaxesha okutyala, ugalele umgquba okanye usebenzise imbewu engcono? Oku ke kufuneka kuqale kuvavanywe ukuze kubonwe umahluko - ukutyala kwangethuba ukuchumisa umhlaba ngomgquba ngaphambi kokutyala kungakhokelela ekukhuleni ngcono kwezityalo, nto leyo inoku khokelela ekukhuleni kwengeniso.
Khetha Elona Cebo Lingcono.
Ngawaphi awona macebo anamathuba amahle okuphucula indlela eqhuba ngayo ifama? Thelekisa imivuzo nezinto elisalela kuzo icebo ngalinye. Oku ungakujonga mayelana neendleko, bangakanani abasebenzi abadingekayo, amaxesha kunye nemingcipheko (umzekelo, umgquba usenokuxabisa kakhulu xa uthengwa uphinde uthuthwe, kodwa unazo iinkomo. Ngoko ke usenokuzenzela owakho, nangona oku kuthatha ixesha elide).
Qalisa Ukwenza Isigqibo Osithathileyo.
Xa sele usithathile isigqibo, qalisa ukuthatha amanyathelo okusifezekisa. Izinto ezidingekayo (umzekelo, abasebenzi, unkcenkceshelo, nezichumiso) kufuneka zibe sele ziba cala nye. Lowo uthabatha izigqibo kufanele amkele uxanduva lokuqinisekisa ukuba konke okuhleliweyo kwenziwa ngendlela. Angachonga umntu oza kuqokelela imonyolo aze enze umgqubo. Abe sele ekhetha nexesha lokugalela umgquba, aze aqokelele nabasebenzi aboneleyo ukuze bagalele umgquba ngexesha elifanelelekileyo.
Hlola Iziphumo.
Hlola inkqubo, ukuze ubone ukuba iinjongo ziyafezekiseka na. Ukugcina ushicilelo lweenkcukacha kwezolimo kubalulekile ukuze ukwazi ukubona umahluko nenkqubela phambili. Bhala phantsi lonke utshintsho olwenziweyo kunye nazo zonke iziphumo (Umzekelo, ingaba uwugalele kangakanani umgquba, ubuyintoni umahluko kwisivuno xa uthelekisa namabala ongakhange ugalele mgquba kuwo).

Translated by Zizipho Silwana