Imveliso ye Tsheri kunye nee Nkcukacha Manani

© Louise Brodie

Imveliso ye tsheri ezi switi kweli lo Mzantsi Afrika, iku 0,1% kuquka imveliso yelizwe lonke, lincinci elinani xa kuthelekiswa namanye amazwe asemazantsi afana ne Chile, yona ke ithengisela ilizwe lase China kakhulu, kunye ne Argentina yona ethengisela ilizwe lase USA.

Malunga nama 22% we tsheri zeli lo Mzantsi Afrika zithengiselwa amazwe angaphandle, kwaye ama 56% wemveliso ye tsheri yaneza intengiso ephezulu yazo kweli lo Mzantsi Afrika. Ingxenye yetsheri ezisuka kweli zithengiselwa ilizwe lase UK.

Kweli lo Mzantsi Afrika imveliso yetsheri iyonyuka, iihektare zonyuka ngama 78% ukusuka ku 221 ye hektare ukuya ku 388 we hektare phakathi konyaka ka 2013 no 2018. Malunga no 40% wegadi ekulinye itsheri kuzo zatyalwa ngonyaka ka 2017 no 2018.

Imveliso ye Tsheri Elizweni

Iitsheri ezi switi, Prunus avium iqhelekile kumacala elizwe afana ne Europe, Turkey, Afrika kunye ne Asia. Amanye amazwe avelisa itsheri afana ne Poland ne Turkey afumaneka apha.

Amazwe aphezulu amathathu avelisa itsheri ezimuncu ekubhakwa ngazo yi Russia, Turkey, kunye ne Ukraine.

Ukususela ngonyaka ka 2001 imveliso ye tsheri eswiti inyuke ngo 52% oko kwenza iTurkey iphulukane nesihlalo sayo njengelona lizwe liphezulu kwimveliso ye tsheri ngonyaka ka 2016 ze iChile yathabatha eso sihlalo. Amanye amalungu akwisihlanu esiphambili yi USA, Uzbekistan kunye ne China.

Ilizwe lo Mzantsi Afrika likwi ndawoyama 34th ngemveliso ye tsheri engapha kwama 1000 we toni.

Imveliso ye tsheri iye yonyuka kakhulu eChile. Ukongezeleka kubonakale kungama 353% kwixesha elingapha kweminyaka engama 16 yeminyaka de yabangunyaka ka 2016 ze ukusukela ngoko yayenyusa ukuya kwizinga lamazwe alishumi avelisa iitsheri, ze yalelona lizwe liphambili elithengisela i-Asia ama 80% wentengiso yase China isuka e-Asia. Ngonyaka ka 2016, bavelisa ama 26% yemveliso yelizwe kwaye uqikelelo lonyaka ka 2018/19 ngexesha lovuno laliqikelelwa kuma 150 000 we toni.

Ukwanda kwemveliso yase China kwanda kakhulu konyuka ngama 1 800% kwiminyaka ephakathi ko 2001 no 2016 yenze ilizwe lase China libe lilizwe elinqenqeza phambili, iigadi zohluke ngokuba nezivuno ezindala kwindawo engaphantsi kwe hektare ukuya kwi fama zalemihla ezingapha kwama 100 000 yemithi etyalwe yaxinana kakhulu. Kwilizwe lase China ukutyalwa kwemithi ye tsheri kwizindlu eziluhlaza ezogqunyiweyo ziqinisekisa okokuba iziqhamo phakathi kwamaxesha onyaka ekupheleni kwamazantsi kunye nase mantla, xa ukufumaneka kwe tsheri kunqabile.

Uqikelelo lwe China ngo 2018/19 ngexesha lovuno beliku 210 000 we toni.

Ngokwe sebe lezolimo kwilizwe lase united States (USDA) imveliso ye tsheri yelizwe ngonyaka ka 2018/19 ibiqikelelwa ku 3.3 million ye toni, ukonyuka ukuya kuma 156 000 we toni. 

Kuqikelelwa ukongezeleka kwama 30% kwilizwe lase Europe, ingakumbi ePoland yona ke iisheri zayo zenze igalelo kwingxenye esisithathu kwimveliso yase EU.

Imimandla Evelisa Itsheri eMzantsi Afrika

Isimo sezulu kwimpuma ye Freystata engqungwe zidolophu iFicksburg, Clocolan kunye ne Fouriesburg nendawo yase Ceres kwela Ntshona Koloni-ubusika obunengqele, ihlobo elinobushushu obuphakathi – sesona simo zezulu esilungele ukulima iitsheri eMzantsi Afrika.

Uninzi lwe tsheri, alunga nama 71% ziveliswa kwiphondo lase Ntshona Koloni, ze I 13% iveliswe kwiphondo lase Freystata, ishumi 10% liveliswe kwindo lase North West.

Imveliso ye tsheri iphela eMzantsi Afrika yayi ku 1 024 we toni ngexesha lonyaka mali ka 2018/19 ngexesha lesivuno.

Intengiso ye Tsheri

Malunga nama 55% ye tsheri zeli lo Mzantsi Afrika zithengiswa kwivenkile zentengiso nakwindawo ezithengisa iziqhamo nemifuno. Malunga no 22% ithengiselwa amazwe angaphandle ze ngaphantsi ko 10% isetyenziswe ekwenzeni ukutya okuthile. iJohannesburg ne Durban zezona ndawo zithengisa kakhulu, nganye ithabatha 33% yemveliso yetsheri. I-Pretora ithengisa 21% ze iKapa ithengise kuphela 9% ye tsheri zeli lo Mzantsi Afrika.

Kwi tsheri ezithengiselwe amanye amazwe, malunga ne 50% iya kwelase UK, ze 24% iye kwelase Middle East, 16% iya kwelase Europe ne Russia. Ezinye iintengiso ezifumana itsheri yeli lomnzantsi Afrika ngamanye amazwe ase Afrika ukuya kumazantsi mpuma afumana 3% nganye.

Translated by Zikhona Plaatjie