Imisebenzi yee Ntsimbi ne Mizobo yama Ndebele Ndzundza

Baziwa Ngokubalaseleyo nge Mizobo

©Dr Peter Magubane

Ama Ndzundza Ndebele aziwa kakhulu ngemizobo, efana nemizobo emihle ephindiweyo, indlela eyenziwe ngayo nemibala zityenziswa ekuhombiseni amadonga (oku kwenziwa ngabafazi) kunye neentsimbi. Indlela imizobo eyenziwa ngayo ibonakalisa indlela nemibono: xa isetyenziswa ngenjongo yokucacisa yenziwa ngedlela emile yodwa, kunye nendalo, umzekelo iintyatyambo, iinyoka, iintaka, kunye nezilwanyane ezincinci.

Kula maxesha angoku, amagama kwizakhiwo, amaphiko amanzi (windmill) kunye nee nqwelo moya (aeroplanes) ziyasetyenziswa. Ama Ndebele akudala ayexhomekeke kwizigcobisi zendalo (amalahle, uthuthu,nomdongo) ukuze bafumane imibala yemihombiso. Ngenxa yokufika kwabathengisi abamhlophe, bakwazi ukufikelela kwimibala eyohlukileyo ye peyinti, ezisa setyenziswa nangalemihla yanamhlanje.

Ngokwesiko, abafazi babenikeza ixesha labo kwimizobo yedonga kwiinyanga zokuphela kokwindla nobusika, xa isityalo zikhula, nokuvuna amazimba nombona selekugqityiwe, babenexesha elaneleyo lokwenza oku. Yayilixesha lonyaka eli apho babesenza umsebenzi wentsimbi omninzi, behlala bonke kwinkundla zekhaya, besonwabela ukufuthana nabanye abafazi emakhaya kunye nobushushu belanga lasebusika, umsebenzi weentsimbi wawungenziwa ebusika kuphela, kuba wawusenziwa ngexesha abangenzinto ngalo ehlotyeni nase ntwasahlobo kwakho na.

Iintlobo zezi Hombisi Ezinxitywayo

©Dr Peter Magubane

Kuyaxoxisa ke okokuba ukuhombisa ngehombo enxitywa ngabafazi bama Ndebele kungenxa yobuchule babo okanye ngenxa yeminqweno yamadoda ama Ndebele ukuze babonakale njengabayeni abazizityebi, nobobutyebi bubonakaliswa ngabafazi ngezihombo.

Iintlobo zehombo ezinxitywayo ziye zitshintshe emveni komtshato nasekukhuleni, kakhulu ukogqitha neliphi na iqela. Irholwana, ezenziwe ngamacingo ahlukileyo ngokulingana zithi zinxitywe ngomama esihlahleni, engalweni emaqatheni, emilenzeni entanyeni nase siswini, ezona zixhaphakileyo.

Mandulo, xa ikhaya lomfazi sele lakhiwe, umfazi wom Ndebele unxiba imisesane enyenziwe nge (copper ne brass) (iindzila) nasentanyeni. Ezi kukholelwa okokuba zinamandla ngokwesiko, nangona ukuzinxiba maxa onke kungasaqhelekanga. Amaxesha amaninzi, umfazi omdala onxiba lemisesane kufuneka azikhulule xa endwendwele esibhedlele, kwaye emveni koko akavumelekang ukuphinda azinxibe.

Ngokwesintu umyeni uye amnikeze unkosikazi wakhe iindzila; ubuninzi bemisesane ayinxibayo, oko Kwaku bonakalisa ubutyebi bomyeni wakhe. Iindzila zibonakala kunkosikazi njenge mbonakaliso yokunxulumana ngomoya nokunyaniseka kumyeni wakhe. Uzisusa kuphela ekufeni. Phakathi kwa Manala nama Ndzundza, iintombi zinxiba iihombo zisencinci.

Ezi ziquka iintsimbi zamaqatha, zesihlahla, kuye nezemiqala. Kuleminyaka banxiba izibeshu zesintu (iinrhabi), iintwana-ntwana zofele ezincanyathiswelwe kumabhanti ezinqa zafakelwa ngaphezulu iintsimbi, ze zigqume umphezulu wamathanga. Ebuntombini, endaweni ye inrhabi, kunxitywa isiphephetu, ifaskoti enekona yafakelwa neentsimbi.

Emveni komtshato, oku kutshintshwa kusetyenziswe umaphotho, ifaskoti enkulu enyenziwe ngofele lebhokhwe, ithi ke ifikele emaqatheni kwaye ihonjiswe ngendlela enzima eyodwa ngentsimbi ezimhlophe. Ngemini yomtshato, umakoti unxiba isagqumathelo sentsimbi eziyokozelayo zogquma ubuso. Ngesintu imibala yentsimi yanikeza ukubaluleka okukhethekileyo, ibonakalisa amanqanaba okukhula ebomini bomntu, ukususela ebuntwaneni ukuya ebuzalini.

Ukudityaniswa kwemibala kwakubonakalisa isimo ngokomoya salowo wenza oko: ulonwabo, imbonakaliso yovuyo, ukudandatheka, okanye ukungazithembi. Ngenxa yokutshintsha kwamaxesha nempucuko, akusenzeki oku. Amadoda ama Ndebele awasa gaxeli, ngaphandle kwexesha apho kukho imisebenzi yesintu nemibhiyozo, apho bathi banxibe oko bakunikezwe ngamakhosikazi wabo.

Translated by Zikhona Plaatjie