Imidiliya ye Tafile

Imidiliya iLungelwe UkuTyiwa

©Louise Brodie

Imidiliya yetafile yimidiliya eveliselwa ukuze ityiwe isandula kukhiwa njenge siqhamo. Oku kuyazehlula kweminye imidiliya eveliswa ngenjongo yokwenza isiselo somdiliya (grape juice), umdiliya omfaxangiweyo, okanye iraisins, isebe lomdiliya laziwa njenge Vitis vinifera kwaye uqhelekile kwimimandla ekufuphi nolwandle. Ukulinywa komdiliya olungisiweyo kune mbali yakudala, eyaqalisa malunga neminyaka yama 6 000 eyadlulayo eMiddle East.

Imidiliya ziziqhamo, ezinamahlahla we bheri. Amahlahla womdiliya akhule emithini womdiliya, othi udubule xa kuqala intwasa hlobo, Ukudubula kwentyatyambo okungcoliswe zinyosi kunye nomoya. Amasebe omdiliya ayakhula ze ande ngexesha lase ntwasahlobo kwaye alungela ukuvunwa ukususela ekuqaleni ukuya ekupheleni kwehlobo. Umthi womdiliya unabile unamagqabi, njengoko ekwindla imithi iphulukana namagqabi iphinde ikhule kwakhona namagqabi amatsha ekupheleni kobusika.

Umdliliya ukhula kumthi, kwaye kwimveliso yomdiliya wetafile owenzelwa intengiso, imithi iyasekwa imengqo oku kwenziwa ngenjongo yokonyusa umthi ukuze uvelise kakuhle. Ngaphandle koncedo lokumisa imithi ingagobi, imithi iye isasazeke emhlabeni okanye inyukele phezulu. Imidiliya iyasasazwa ngokuthi inqunyulwe kwaye ngenxa yezifo ezisemhlabeni ezifana ne phylloxera, inkoliso yemithi yomdiliya anentlobo ezimbini zomdiliya. Olona hlobo lukhethwayo ngenjongo yemveliso likhula ukodlula umhlaba kodwa lincamathele kwingcambu ezinyamezelayo kwizifo zengcambu sesidiliya.

Imidiliya yetafile inentanga, zikhona intlobo ezingenazo iintanga. Kule mihla kuxhaphake iintlobo ezingenazo iintanga. Imidiliya iyohluka kakhulu ngoko mbala ubungakanani nobume, kunye nencasa nokulungela ukukhula phantsi kwemeko zommandla othile. Ezona ntlobo zintathu zombala womdiliya ngumnyama, (ezimfusa ukuya kumnyama), bomvu, (Crimson, bomvu, kunye menidiliya epinki) emhlophe (tyheli-ukuya kumbala oluhlaza ukuya kumdliliya ongathi unobisi ombala oluhlaza). Imidiliya ziziqhamo zesimo sezulu esithile, oku kuthetha okokuba ayiphindi ivuthwe kwakhona xaselele ivuniwe.

Translated by Zikhona Plaatjie

Imveliso yo Mdiliya we Tafile

Oku kuyazehlula kweminye imidiliya eveliswa ngenjongo yokwenza isiselo somdiliya (grape juice), umdiliya omfaxangiweyo, okanye iraisins, ise...more