Imicimbi Yokufikisa YamaZulu

Ukusuka Ebuntwaneni Ukuya Ebudaleni

©Dr Peter Magubane

Mandulo ubomi bamaZulu banemithetho engqingqwa ekufuneka ilandelwe. Umntu ngamnye wayene ndawo yakhe kunye nemisebenzi ethile ekufanele ukuba ayenze. Yonke le misebenzi yayixhomekeka kwisini, kwiminyaka/ubudala kunye nesikhundla kulo mzi (umuzi).

Ukwahlukaniswa phakathi kwamalungu omuzi kwakusenziwa lula kukuba wonke umntu wayedlula kumanqanaba acacileyo. Akukho nalinye inqanaba elalidlulwa ngaphandle kokuba kwenziwe umcimbi wokubhiyoza. Inqanaba lokuqala lokusuka ebuntwaneni ukuya ebudaleni laliphawulwa ngomcimbi woku qhumbuza okanye ukugqobhoza iindlebe ukuze kufakwe amacici.

Oku kwakufuneka kwenziwe nguye wonke umntana ngaphambi kokuba afikise. Inqanaba lokuqala kubomi bomntu yayikukufikisa okanye ukutshintsha komzimba ube ngowomntu omdala. Kumaxesha amandulo, oku kwakusenzelwa umsebenzi obizwa ngoku thomba. Ukuthomba kwakusenzelwa amantombazane kunye namakhwenkwe ngokulinganayo.

Ngethuba kusenziwa lomsebenzi, amantombazana namakhwenkwe alinganayo ayesahlulwa aze ahlalele ecaleni. Apho ke babefundiswa ngezinto ezifunekayo nemisebenzi yasebudaleni. Eli thuba lokubekelwa bucala laye layekiswa emva kokufika kwe amabutho (ukudityaniswa kwamaqela alinganayo ngeminyaka) ekupheleni kwe sentyuri ye 18.

Emva komcimbi wokuthomba kwamakhwenkwe, inkwenkwe yayibizwa nge nsizwa (umfana). Xa sele ekweli nqanaba, wayekhululekile ukuqhasa amantombazana antanganye naye, kodwa wayengavumelekanga ukuba angatshata. Bekufuneka kwenziwe amasiko amabini kuqala ngaphambi kokuba abe selungelweni lokutshata.

Elo kuqala yayikukufakwa kwakhe kwi qela, okanye ibutho, nelalisenokufikelela kwiminyaka eli 10 yokusebenzela ikumkani. Elesibini yayikukuthunga isicoco, nesisithsaba esithwala entloko. Isicoco ke, sasiluphawu lokukhula ngokupheleleyo.

uMhlanga

©Dr Peter Magubane

Iinjongo yoMhlanga kukukhuthaza ukuzingca kumabhinqa aselula. Lo msitho sele umkhulu ngeyona ndlela, kwaye uhanjwa ngamantombazana akummandla wephondo KwaZulu-Natal. Ukusukela ngomnyaka ka 1994, ngethuba umbutho we African National Congress ungena esikhundleni sokuphatha ilizwe, kwenziwa iinzame zokwenza lomsitho ube ngumcimbi oquka zonke iintlanga, kodwa oku akukabiyo mpumelelo.

Amabhinqa aselula anayo nemicombi yokufikelela ebudaleni umemulo. Kule micimbi ke, usapho lwebhinqa uxhela inkunzi yenkomo nalapho kuye kucatshulwe amanqatha, ze eli bhinqa liwanxibe ngethuba lixhentsela amandwedwe aze kuzimasa itheko. La mafutha aluphawu lokukhuselwa zizinyanya zakhe xa eshiya ikhaya lakhe esiya kwendela komnye umzi.

Translated by Zizipho Silwana