IiTsheri eMzantsi Afrika

© Jophi

Imveliso yetsheri eziswiti eMzantsi Afrika incinci kodwa iyakhula ngoku khawuleza; izityalo zande ngama 25% kwiminyaka nje emibini ukusukela ngonyaka ka 2017. Uninzi lwe tsheri zeli lo Mzantsi Afrika zithengiselwa iivenkile ezingqongileyo zentengiso, kodwa nentengiso yase China iyanda, ngexesha lona ilizwe lase UK iselelona lizwe lihamba phambili kwintengiso yangaphandle.

Iitsheri ziziqhamo ezinikeza impilo kakhulu, zityebile kwi melatonin ne antioxidants, kodwa azihlali ixesha elide. Ziveliswa ebusika kwimimandla ebandayo yeli lo Mzantsi Afrika, sisiqhamo esisebenzisa kakhulu esifuna ukuvunwa ngesandla kwaye sihanjiswe kwisithuthi kubushushu obungu 0.5℃.

Translated by Zikhona Plaatjie

IiTsheri

Eziziqhamo zincinci zimnandi zine ncasa eswiti zinombala omthubi, bomvu ukuya komfusa-mnyama zigcwele izinongo zomzimba kunye nezinongo ezom...more

Ukulima iCherry

I-Cherry ezi switi (Prunus avium) ziqhelekile kumacala ase Europe, Turkey, Afrika kunye ne Asia. Ukuqala ukuvakala nge cherry kwaqala ngo 27...more

Imveliso ye Tsheri kunye nee Nkcukacha Manani

Imveliso ye tsheri ezi switi kweli lo Mzantsi Afrika, iku 0,1% kuquka imveliso yelizwe lonke, lincinci elinani xa kuthelekiswa namanye amazw...more

Zikhuliswa njani iiTsheri

Ukukhulisa iitsheri eziswiti, Prunus avium, kunemiceli mngeni ethile. Lemiceli mngeni ayipheleli kuphela kwixabiso eliphezulu lokuqala igadi...more