Iindlela Zokhuseleko Zemihlambi Emincinci yee Hagu Ezifuywe ngama Fama

© National Pork Board and the Pork Checkoff. Des Moines, IA USA.

Yintoni iBiosecurity?

I-Biosecurity yingqokelela yeendlela okanye imithetho ethintela ukuqhambuka kwesifo efama kunye nokwanda kwezifo okanye intsholongwane efama.

Izifo Ezinobuzaza Ezifumaneka kwi Hagu

Izifo ezosulelayo kunye neencukuthu ezininzi zinganda kakhulu phakathi kwehagu nakwezinye izilwanyana. I-African swine fever (ASF) kunye ne foot and mouth disease (FMD) yimizekelo yezifo ezitshabalalisayo kwihagu, zingenza ilahleko enkulu. Zifumaneka apha eMzantsi Afrika zombini ezintsholongwane kwimihlambi yethu elizweni, oku kwenza umonakalo omkhulu kwezoshishino lwangaphandle. Oku ngeku ngaphezulu okokuba isebe likarhulumente lezilwanyana belingena mithetho ingqongqo kwindawo zonke ngemithetho ethintela izifo kwilizwe, kwimfuyo yehagu.
Kukho imithetho kwi Animal Health Act efuna okokuba abanikazi bezilwanyana bachaze amanani okufa kwezilwanyana angaqhelekanga kwimihlambi yemfuyo zabo kwi ofisi karhulumente ekufuphi esebenza ngezilwanyana.

Zisasazeka Njani Izifo zee Hagu

©National Pork Board and the Pork Checkoff. Des Moines, IA USA.
Usuleleko lusasazeka ukusuka kwisilwanyana ukuya kwesinye ngendlela ezahlukileyo, kodwa amaxesha amaninzi ngokuthi zisondelelane okanye kungcoliseko lendawo. Izifo neentsholongwane zinganda ngokutya okanye ngezixhobo ezisendlini. Kodwa amatyeli amaninzi zosulelana ngokuthi zidibane nezilwanyane ezigulayo okanye ezifileyo, ukuhambisa kwesisu, ukukhohlela, ukuthimla, ukuba kumhlaba omnye okanye xa kunikezwa amanzi nokutya okosulelekileyo. Usuleleko maxa wambi lunganda kwindawo ezise macaleni nakwamanye amazwe ngoku hanjjiswa kwenyama nezilwanyana eziphilayo.
Ukhumbule ke okokuba usuleleko neencukuthu amaxesha amaninzi zisuka kwezinye iihagu, abantu, izihlangu, ukutya, iimoto kunye neenkumbi.
Ezinye iintlobo zosuleleko zihlala ixesha elide kunezinye, ezinye zibulawa bubushushu, iikhemikhali ezigxotha usuleleko, ezigxotha iinkumbi, okanye ukuzomisa kodwa ke oko kuthabatha ukuphinda phindwa kokucoca nexesha (iintsuku) ukuze isebenze.

Yenziwa Njani iBiosecurity System?

©Glenneis Kriel
Impumelelo ye biosecurity system iku mafama ehagu awaqondayo okokuba iihagu zawo azizu kosuleleka xa zibekelwe bucala kweminye imihlambi. Ibiosecurity kwifama zehagu ingenziwa ngezindlela zilandelayo:
Yakha ucingo.
Biyela ukhusele indawo yakho ukuze iihagu zakho zingaphumi okanye ezinye iihagu ezisuka kufuphi zingangeni. Xa iihagu zakho zigcinwa endlini, qiniseka okokuba inkunkuma, ubumdaka obusuka kwinkunkuma kunye namanzi okucoca ziyakhathalelwa kwindawo ezihlala iihagu kwaye zihoyelwa ngaphakathi kwendawo yakho. Sebenzisa umgquba wehagu njenge bhedi yokuchumisa nobulongwe, ngaphakathi kwecingo lefama yakho.
Yazi okokuba iihagu zakho zisuka phi.
Ungaze wazise iihagu ezintsha kumhlambi wakho ezisuka kwindawo ongayaziyo okanye kubathengisi. Nokuba azinazo izifo ezibulalayo neencukuthu, kukho amathuba amahle okokuba iingxaki zeehagu eziqhelekileyo zizakuba nomahluko kwezakho. Buza lowo usebenza ngezilwanyana kwi ofisi karhulunte ekufuphi kuwe okanye lowo usebenza ngezilwanya ukufuphi kuwe uyi Animal Health Technician (AHT) ukufumana ulwazi.
Gcina abantu kude kwihagu zakho.
Okuke kuquka abamelwane, iindwendwe, abathengisi, abanikazi bezilarha, abathengisi, abahloli kunye nabasebenzi baka rhulumente. Nabani na onesizathu esivakalayo sokubase fama kwaye ehamba-hamba iifama kufuneka anikezwe ii-overall kunye nezihlangu zeplastiki ezilahlwayo (izihlangu ezenziwe ngeplastiki ezogquma izihlangu kulula ukuzinxiba kwaye amaxabiso wazo aphantsi) xa bengena efama. Zonke ezi kufuneka zilahlwe emveni kokusetyenziswa efama. Inkoliso yabantu yenza konke ekufanele ikwenze ngaphandle kwefama okanye kwendawo ehlala izilwanyana.
Izithuthi ezisetyenziselwa ukuhambisa iihagu, ukwehlisa ukutya kwehagu okanye okunye zingenza ngokunjalo ngesango labucala ecingweni ukuye ngasendleleni. Lenduli yokupakisha kufuneka ibebubude obufanelekileyo ukuze iimoto ezidibana neehagu ngaphakathi.

Ukutya Namayeza Wehagu

©Courtesy of National Pork Board and the Pork Checkoff.
Iihagu ziyalamba kakhulu kwaye azinangxaki malunga nokuba zitya ntoni, kodwa ke zizakuba sempilweni zikhule ngoku khawuleza xa zityiswa ukutya okusempilweni kwehagu okusuka kwi co-op okanye inkampani yokutya okanye noko ingxenye yomlinganiselo.
Xa amafama ehagu efuna ukuzityisa ukutya kwehagu okubizwa I’swill’ (ukutya okungu mbeko, ukutya okushiyeke ekhitshini nokutya okudlule ‘ usuku olungcono lothengiswa’). imithetho ifuna yonke iswill ibe imoshakele imizuzu engama 60 phambi kokuba ityiswe iihagu. Akufunekanga zityiswe inyama yesilwanyana okanye yenkukhu.
Kukhona amayeza nogonyo eziyingxenye yenkqubo egcinwa ngama fama ehagu ezi ke zingane ngeniso kwimveliso nempilo yeehagu. Inkoliso yazo amaxabiso aphezulu kwaye ezinye zifuna iphepha elisuka kugqirha wezilwanyana kwaye abenolwazi olunzulu ngomhlambi wemfuyo yakho.

Lufumaneka phi Ulwazi lwe Biosecurity?

Ulwazi ngehagu luhlala lufumaneka ngo kwamasebe ezilwanyana, iPig Veterinary Society, SA Pork Producer’s Organisation (SAPPO) kunye nesebe le Zolimo kumaphondo onke.
Nceda qaphela:
Ezi nkcukacha zenzelwe ukufundisa nokunikeza ulwazi kuphela kwaye akufuneka zibonwe njenge ngcebiso yezempilo egunyazisiweyo. Okongeza, olu lwazi alenzekwanga ukuthabatha ingcebiso ka ggqirha okanye unyango olunikezwa ngugqirha wezilwanyana.

Translated by Zikhona Plaatjie