Iindawo Ezingcono Zokufuya Iiintlanzi Kumanzi Amatsha
Ukukhetha kakuhle kubalulekile kwimfuyo yentlanzi kumanzi acocekileyo ibeyimpumelelo (ulimo lwentlanzi). Amafama amatsha alima intlanzi kumanzi acocekileyo angaqala kumhlaba omncinci emveni koko afune imali yoncedo. Abanye banganayo imali abayo yemfuyo yentlanzi kumanzi acocekileyo (aquaculture), ze kufuneke bafune umhlaba olungileyo. Neyiphi na indlela eqala ngayo, amafama amatsha we aquaculture kufuneka akhethe indawo elungileyo enamanzi ukuqala ukulima intlanzi kumanzi acocekileyo. Xa sele kukhethwe indawo elungileyo, izakwenza imveliso kubelula ukuyilawula kwaye ayisokuze ibize ngokwe mali. Ngaphandle koku khetha indawo elungileyo, eyona nto ibalulekileyo kumgangatho wamanzi. Ezona zinto zibalulekileyo ngumgangatho wamanzi. Ezona ndawo zibalulekileyo kumgangatho wamanzi xa ukhetha indawo zezi:
Ubushushu bamanzi, ubuncinci nobuninzi bobushushu enyakeni.
Amazinga we oxygen
Azinga we Ammonia
pH
Ukubonakala emanzini
Uvavanyo olupheleleyo lomgangatho wamanzi luquka ukuhlola amanzi iimetali ezinzima (heavy metals), ezibulalayo kwintlanzi, utsho uHenk Stander inqununu ephetheyo kwicandelo le Aquaculture: Department of Animal Sciences, Stellenbosch University.
Iimfuneko Zendawo Ezakusetyenziswa Ukufuya Intlanzi Kumanzi Acocekileyo
Ezona mfuneko zendawo yemveliso elungileyo nazi:
Idama, itanki lentlanzi, kufuneka libe kufuphi apho zigcinwa khona. Oku kuzakwehlisa ixesha lokuhambisa ukuze iintlanzi ezincinci (ezibizwa fingerlings) zingahanjiswa kwi kheyiji yomnatha zikwi Mpilo entle.
Ukhuseleko olulungileyo luzaku nciphisa ukubiwa kwentlanzi kunye nokonakaliswa kweminatha yekheyiji, iimpompo nama tanki.
Ukufikelela kumanzi.
Oku kunceda ukuhambisa iintlanzi ezincinci kwikheyiji, amatanki okanye amadami abelula ukuhamba-hamba kokutya kwentlanzi kunye nezixhoobo emanzini. Izakwenza isivuno esikhuselekileyo nesikhawulezileyo endaweni yoko, nokuqinisekisa imveliso yomgangatho ophezulu.
Indawo yokuxhelela kufuneka ibekufuphi kwidama ukuze intengiso ibenesiseko (amazinga obushushu asezantsi ukusuka efama ukuya kumzi mveliso, emveni koko evenkileni). Ukugcina amazinga obushushu esezantsi kuzakukwenza ukuhanjiswa kwentlanzi zisentsha.
Ubuncinci bobunzulu bedama kufuneka kube 8 m, kodwa amadama anzulu angcono. Xa iminatha yeekheyiji ijinga kubunzulu bamanzi obungama 5 m, kulungile ukuba nesithuba esaneleyo emazantsi weminatha nasemazantsi wedama. Oku kuthintela ukuqokelelana kobumdaka ngaphantsi kwe kheyiji, apho ubunzulu obufanayo buyafuneka kumadama asefama avulekileyo.
Translated by Zikhona Plaatjie