Iimveliso zeTilapia kunye Nabathegi be Tilapia

© Walters Art Museum

Ukutyiwa kwe Tilapia kuyanda kwilizwe jikelele kwaye iyathengiswa nakwi venkile zentengiso zokutya ezohlukileyo, kwivenkile zika wonke-wonke ezithengisa ukutya, nakwi nqanawa zolonwabo, ezibhedlele, nase zikolweni. Ithengiswa isentsha okanye ikhencezisiwe (iphelele kwaye ingaxutywanga) kwenzelwa imveliso ezixutyiweyo nezinye izinto ezifana ne (parmesan -crusted potions), kunye ne fish fingers, nokutya kwe kati okunkonxiweyo.
Ezinye iimveliso ezenziwa nge tilapia yi fish meal kunye ne fish oil. Ngenxa yokulotywa kakhulu kwentlanzi elwandle kunye namaxabiso aphezulu wentlanzi ezenza ifish oil, itilapia ecoliweyo ingangcono endaweni yentlobo zentlanzi zase lwandle ezifana ne hake. Itilapia ikumgangatho ophezulu kwaye ikumaxabiso afikelelekayo. I-Omega 3 oil esuka kwi tilapia isetyenziswa ukutyebisa i-orange juice nakwi Honduras biodiesel kwaye nayo isetyenziswa njenge mveliso esuka ku limo lwe tilapia.

Imveliso Zesikhumba ze Tilapia

Iimveliso ze tilapia zofele zilushishino olusecaleni kwi aquaculture kwilizwe lase Brazil. Isikhumba se tilapia kungenzeka sibenzulu ngombala okanye eminye mibala kwaye isetyenziswa kwimveliso zofele ezifana namabhanti, izipaji kunye nempahla.
Enye imveliso ebalulekileyo eyenziwa nge tilapia yi collagen ethathwa ngaphakathi kwesikhumba sentlanzi; amazwe ase Europe awasayibenzisi icollagen yezilwanyana kuba besoyika isifo imad cow disease, ngokwengxelo yangonyaka ka 2008 ebhalwe yi University of Arizona. Kwakhona, icollagen yentlanzi ingasetyenziswa ukulungisa amayenza akhutshwa ngexesha elithile.
Lowo usebenza ngamayeza ongugqirha wezilwanyana (Integrated medician veterian of the University of California) ongu Davis wasebenzisa izikhumba ze tilapia ngempumelelo njengama bhandeji okunyanga izilonda zokutsha kwizilwanyana zasendle. Lendlela yayisetyenziswa nase Brazil apho ukungabikho kwezixhobo zonyango kwanyanzelisa ogqirha okokuba basebenzise isikhumba se tilapia ukufakelela izikhumba kwabo batshileyo.

Ukutyiwa kwe Tilapia eMzantsi Afrika

Ngenxa yokunqongophala kokutyiwa kwentlanzi kweli loMzantsi Afrika kunye nokuba abathengi bengazi kwaye bengafundiswanga nge tilapia, lentlanzi ayikaziwa kakhulu kweli lo Mzantsi Afrika. eyona ndawo inabathengi abaninzi be tilapia ngabemi bamanye amazwe abahlala kweli lo Mzantsi Afrika kunye nabathengi abaqhelileyo ukutya intlanzi ngenxa yendlela abatya ngayo. I-Tilapia iyathengiswa yivenkile enkulu kweli engu Woolworths.
Imfuneko ye tilapia iye isonyuka, ingakumbi kumba ingathabatha indawo ye hake kuba inenyama ezifanayo namaxabiso angcono.

Intengiso ye Tilapia ku Mazwe Angaphandle

Ngokwe Sebe le Zolimo, Amahlathi neeNtlanzi (Department of Agriculture, Forestry and Fisheries) – DAFF Aquaculture Handbook 2016 uMzantsi Afrika uhambise uqikelelo lwe toni zingama 325 ze tilapia ezikwixabiso le R3.5 million ngo 2015. Iindawo eziphambili ezintathu ehanjiswa kuzo ezingaphandle kweli yayi yi Botswana (196 tons), Democratic Republic of Congo (79 tons) kunye ne China (22 tons). Ubuninzi bezithengiselwa ngaphandle itilapia bonyuke phantse ngama 323% ngenxa yenani elongezelekileyo asuka kweli kunye nokwenyuka kwamanani wamafama we tilapia eMzantsi Afrika.

Translated by Zikhona Plaatjie