I-African Potato Ichasene Nokudumba Okunentlungu

© Uwe Thobae

Ayifani namazambane asetyenziswa emakhaya, izambane elaziwa ngokuba yi “African wild potato” (Hypoxis hemerocallidea) lidityaniswa ne “lily” sisityalo eziqinileyo esinyamezelayo kwi mbalela, sesalapha eMzantsi Afrika. Ikhula ngexesha lehlobo kwindawo ekunetha kuzo ehlotyeni eMzantsi Afrika.

Ine ntyatyambo ezikhazimlayo ezimthubi ngombala ezingumfuziselo wenkwenkwezi namagqabi abonakala enenwele. Abanyangayo besintu bayisebenzisa njenge chiza lokunceda abantu abaphazamisekileyo engqondweni, ‘igazi elibi’ (kwisifo se swekile), iPMS Kwaye iyasebenza njenge chiza lokubulala iintakumba kwizilwanyane.

Indlela nje eqhelekileyo yoku yokuyisebenzisa iquka ukuthambisa nzulu ukuthomalalisa iimpawu eziyelelene nesifo samathambo, abane ngxaki yesikhumba ezirhawuzeleleyo namaqhakuva aziwa nge ‘psosiasis nesigulo i-“Fibromyalgia”. Iyanceda kakhulu kwingxaki sezikhumba ezifana ne eczema, amaqhakuva abomvu asebusweni ‘acne’, amanxeba, ukutsha, irhatshalala, izilonda ezaziwa ngokuba zi “bed sores”.

Iintwala, iminyama, isikhumba ezitshiswe lilanga, isikhumba esilunywe zingcongconi, nesikhuma esomileyo/phatshileyo. Yenziwe nge hypoxoside, ethathwe kwingcambu ezifana nombhobho. Inamazinga aphezulu we sterol ne sterolin evelisa ukuchasana nosuleleko, eqinisa amajoni omzimba.

Ibukufana ne cortisone ekwaziyo ukulungisa ukonakala kwe misipha, nokudibana komzimba iphilise nobuhlungu bemisipha. Isebenza njenge siphilisi mzimba esinceda ukuthintela ukuguga. Ulwazi luchaza nokokuba i-African Potato iyanceda kakhulu ekunyangeni isifo sentsholongwane kagawulayo HIV/AIDS, umhlaza wobudoda, kunye nesifo sephepha.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie