Grenache Blanc

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iGrenache Blanc ngumdiliya we wayini emhlophe omvelaphi yawo ikumantla eSpain apho yanwenwela e France yaze yaba yeyesine kwinani leyona midiliya ityalwa kakhulu e France. iGrenache Blanc yaziwa kakhulu ngegalelo layo kumxube we Chateauneuf-du-Pape. Yaphuma kwi Grenache Noir kwaye ivelisa iwayini egqibeleleyo emhlophe eneqondo eliphezulu lesinxilisi.

Imvelaphi

eSpain

Amanye Amagama

iGrenache Blanc inamagama amaninzi- Izithetha ntonye ezingapha kwama 20- Kuxhomekeka apho ikhuliswe khona. iGrenache Blanc ikwaziwa njenge Alicante Blanca ne Garnatxa Blanca (eCatalonia).

Imveliso eMzantsi Afrika

iGrenache Blanc yokuqala eMzantsi Afrika yalinywa ekuqaleni kweminyaka yo 1900 kwi fama I Delheim kufuphi nase Stellenbosch kodwa yalinyelwa ushishino ngomnyaka ka 1979 ngelixa yayibonwa njengomdiliya ofikayo onika umdla.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Ukulinywa kwe Grenache Blanc kukhangeleka kukhule ngama 20ha (we 110 izityalo zizonke) ezityalwe ngo 2016. Kule 20 ha isandula kutyalwa, I 10 ha ityalwe Kunxweme Lomzantsi Koloni. iGrenache Blanc Ingafumaneka kuzo zonke iingingqi ezivelisa iwayini ngaphandle kwephondo loMntla Koloni. Abavelisi abaphambili abavelisa I 100% iwayini ye Grenache Blanc baquka i KWV, iPaardeberg kunye ne Leeuwenkuil.

Ukukhula

iGrenache Blanc ithwala isivuno esikhulu (15-20ton/ha) kwaye iyachuma, okodwa xa ididiyelwe kakhulu isenokukhokelela kwi asidi encinci kwi wayini zayo. Ukuncitshiswa kwebhantshi kuyakhuthazwa. Nangona ikwazi ukumelana nembalela, ingasokola ukufumana I asidi eyaneleyo kwimo zezulu ezshushu nezomileyo.

Imithi yayo ikhula ibheke phezulu kwaye iyamelana nomoya, iGrenache Blanc iqhuba kakuhle kakhulu kwiingqingqi ezomileyo nakwimihlaba elambathayo enamatye okanye kwimihlaba eyisanti. Ingakhuliswa njengomthi ozikhulelayo wehlathi okanye icakacezwe kubuchule be trellis.

Ukuvuthwa

iGrenache Blanc idinga ithuba elide elifudumeley ukuze ivuthwe kwaye ivunwa phakathi ngexesha lokuvunwa.

Amagqabi

©Glenneis Kriel
iGrenache Blanc inamagqabi amile okwezintso amenyezelayo kwaye amtyibilizi namazinyo atsolo.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa atyeli buku luhlaza, aphakath ngokomlinganiselo kwaye ibhantshi zinkulu kwaye zikhangeleka zirawndi ukumila. Amaxolo omdiliya omelele kunye nomphakathi othambileyo onamanzi amaninzi.

Izonakalisi Nezifo

iGrenache Blanc inkenenkene kakhulu kwizivo zentsholongwanwe, ukungunda okungwevu, iphomopsis ne mildew kodwa ayifane ichatshazelwe yi oidium, Izihlaseli midiliya i ‘grillure’ leaf hoppers nezinambuzane. Lomdiliya unkenenkene kwi botrytis kwaye ukuba izixhobo zokutyala zinentsholongwane, oku kungabangela imidiliya ecothayo ukukhula okanye ingakhuli ngokugqibeleleyo.

Imisebenzi

iGrenache Blanc ngumdiliya oxhaphakileyo kwimixube kwaye isetyenziswa kwi wayini eziphuhlisiweyo e Spain nase France. Ivelisa iwayini ezityheli ogolide ngombala kunye nezinga eliphezulu lesinxilisi (13 –15%) ukuba ivundiswe yabayi dry, iGrenache Blanc isenokuba ne oxidation kwaye ayikwazi ukuvundiswa ithuba elide xa ingangxengwanga.

Xa ixutywe nezinye iwayini isenokwandisa ixesha ephelelwa ngayo logama isebenza njenge sithambisi kumxube. IGrenache Blanc yenye yemidiliya esetyenziswa ukwenza iRivesaltes Vin Doux Naturel, iwayini eswiti indalo, eyenziwe ngokongeza ibranti nehlala iminyaka engapha kwe 100.

Incasa

‘Ubushoqololo’ kunye ‘nesiqhamo esiluhlaza’ kukhangeleka ingamagama amabini asetyenziswa ukuchaza incasa ze Grenache Blanc. Ezinye incusa ziqua ifenugreek (okanye icumin), incasa ye orenji, kwaye ukuba le wayini yenzelwe kwifatyi yom oki, incasa zama apile abhakiweyo kunye ne brioche zingabalulwa. iGrenache Blanc ithandwa kakhulu eMelika ngencasa yayo, iqondo lesinxilisi eliphezulu, ubushoqololo- obufana neChardonnay – xa ivundiswe ngom oki.Translated by Zizipho Silwana