Emerald Riesling

© Vititec

Inkcazelo

Yadalwa ngu UC Davis ngomnyaka ka 1948 ngokuthi adibanise iMuscadelle kunye ne Riesling, iEmerald Riesling ngumdiliya omhlophe owawenzelwe ukuvelisa imidiliya enempawu ze Riesling kodwa ukwazi ukumelana nemo yezulu eshushu. Abanye abaphandi, noxa kunjalo, bakholelwa ekubeni onozala bokwenene be Emerald Riesling yiMuscadelle kunye ne Grenache.

Imvelaphi

Emelika.

Amanye Amagama

iEmerald Riesling ikwabhaliswe nje nge Carlifornia 1138 E 29. Lomdiliya akufuneki ubhidaniswe nomdiliya wase Jamani obizwa nge Weisser Riesling.

Imveliso eMzantsi Afrika

Lomdiliya uzintlandlo mbini waziswa e Mzantsi Afrika ngomnyaka ka 1981 kwaye kwakucingelwa ukuba uzakukwazi ukumelana / ukukhula phantsi kwemeko ezishushu lo gama ubonakalisa incasa ze Weisser Riesling. Lomdiliya ukwakhuliswa nakwa Sirayeli.

Iingingqi Oveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Zingama 47ha kuphela iEmerald Riesling ezikhoyo eMzantsi Afrika kwelo nani I 26ha ikhula kwingingqi yase Robertson. Akho zityalo zitsha zishicilelweyo ngomnyaka ka 2016.

Ukukhula

Ukhula ngomlinganiselo ophakathi ukuya kophezulu kunye nesivuno esininz (20-30t/ha) kwaye ubuchule bokuzibiyela ngocingo kubaneziphumo ezihle.

Kubakho ezinye izityalo ezininzi ezithi zikhule emva kokuvunwa, zona ke zifunyanwa lula sisifo se oidium. Lomdilya uyakwazi ukukhula uyakwazi ukukhula kwintlobo ezohlukeneyo zomhlaba kwaye iyalungelana nengingqi ezifudumeleyo.

Ukuvuthwa

iEmerald Riesling ivunwa kumaqondo obushushu akuma 20-22° Balling esiphakathini sexesha lokuvunwa. Kwaye ivunwa ngaxesha nye ne Chenin Blanc.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa mdiliya aluhlazana kwaye arawndi. Kufuneka avunwe ngobuxhakaxaka bomatshini, njengoko izihlahla zemidiliya zibambeka ngokomeleleyo kwiziqu zomthi. Xa zivunwa ngezandla asenokucumka amagaqa omdiliya okanye kuxobuke amaxolo. Oku kungabangela kuphume amanzi angaphakathi. Kunzima kakhulu ukuvuna iEmerald Riesling.

Amagqabi

Aphakathi ngomlinganiselo, anekona ezintathu, kwaye anamazinyo amakhulu, angalinganiyo.

Izonakalisi Nezifo

iEmerald Riesling yomelele kakhulu kwizifo ukogqitha iChenin Blanc kwaye ayikho ethe-ethe kwi oidium kunye nokungunda okungumgubo. Nangona imithana ethi intshula emva kokuvunwa isenokuba ethe-ethe kwisifo se oidium.

Imisebenzi

iEmerald Riesling kusenokwenziwa ngayo iwayini eshwaqayo okanye eswitana emhlophe. Ukuvundiselwa ebhotileno kusenokwenza incasa ebukufana ne terpene, kodwa engekho shoqololo kanje nge, Weisser Riesling.

Inkcasa

Ichazwa ngokuvakala okwesiqhamo, ineziqholo inuka nakamnandi. i Emerald Riesling isenokubonakalisa iimpawu zeentyatyambo kunye neseziqholo eziqhwethayo kunye ne asidi ebufana neye Riesling (7-9g/l).Translated by Zizipho Silwana