Clairette Blanche

Inkcazelo

Umdiliya omdala wamandulo phaya ngeyo 150o, osetyenziselwa ukwenza iwayini emhlophe. Wawutyalwe jilkelele emazantsi eFrance uyasetyenziswa ukuvelisa newayini ehlwahlwazayo (sparkling), kodwa nezinye indidi zewayini yase tafileni.

Imvelaphi

eFrance

Amanye Amagama

Igama elithi Clairette Blanche lithetha ukuba ‘emhlophe ecacileyo’. Angaphaya kwama 69 amanye amagama e Clairette Blanche. Ikwaziwa nanjenge Blanquette, iExtra, iPiquepoul okanye i Clarette. iBourboulenc ngumdiliya ongadibenanga nalona nangoma amanye amagama wayo ayi Clairette kunye ne Clairette Blanche ekwafana nawe Clairetter Blanche.

Imveliso eMzantsi Afrika

Yaqala ukuveliswa eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1906, ekuqaleni yayikhuliswa ngokukhethekileyo kwingingqi yase Groot Drakenstein. Linani elingaphezudlwana kuma 35ha le Clairette Blanche elisitshulweyo eMzantsi Afrika (2016) kushiyeke malunga nama 195ha, inkoliso yesisityalo zikwindawo ezimo yezulu ifudumeleyo zase Worcester (88ha), ePaarl (34ha) nase Robertson (33ha).

Ukukhula

iClairette Blanche ikhula ime nqo kwaye iyachuma, kunye nemithana eselula ebuthathaka kumoya obhudlayo. Ingatyalwa njengomdiliya wasendle ozikhulelayo okanye kusetyenziswe ubuchule be trellising.

Iyakwazi ukumelana nomhlaba ofumileyo otyebileyo kwingingqi ezipholileyo. i Clairette Blanche ibuthathaka kwi mbalela (amagqabi ayawa) kwaye idinga ukunkcenkceshelwa. Isivuno sibangama 16 - 18 t/ha, ivunwa kuma 19 - 21° Balling. Amaqondo obushushu e Balling abonakalisa izinga lencasa kwimidiliya nokuba ikulungele na ukuvunwa.

Ukuvuthwa

iClairette Blanche ivuthwa kade - ukuya kuma ekupheleni kwenyanga ka Matshi futhi malunga neveki ezintathu emva kwe Chenin Blanc.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya amakhulu a-ovali ukumila kunye nexolo elomeleleyo.

Izonakalisi Nezifo

iClairette Blanche ichaphazeleka lula sisifo sokungunda (downy mildew) nentsholongwane enqanda ukukhula kodwa iyakwazi ukumelana ne anthracnose kunye ne oidium. Ngenxa yokungaxinani kwebhantshi zayo ayichatshazelwa lula kuku bola kunye ne botrytis. Imithana eselula ingonakaliswa lula ngumoya.

Imisebenzi

Imidiliya ishwabana lula (Iwayini ayikwazi kuvudiswa ithuba elide) kwaye zivelisa iwayini ezine asidi esezantsi nesinxilisi esiphezulu. Yayikase isetyenziswa ekwenzeni iwayini ehlwahlwazayo (sparkling).

iClairette Blanche isetyenziswa kakhulu ngoku njengomxube kweminye imidiliya. Ukuba ivunwe kwangethuba, isenokuvundiselwa emiphandeni ukuze ibenencasa engqindilili emlonyeni. iClairette Blanche ingasetyenziswa nangomdiliya wokutyiwa unjalo.

Incasa

Akuvamisanga ukwenziwa iwayini ngayo yodwa ingangxengwanga, iClairette Blanche ivelisa iwayini ezicwengileyo ezingenambala nezisetyenziswa njengomxube kwezinye ukuze ifake incasa zeziqhamo ezifana ne lamuni, paynapile, I plam eluhlaza okanye ilemongrass.

Ichazwa njenge ‘flabby’,i Clairette Blanche ikwanazo nencasana zentyatyambo (I rozi, mhlambi), iorenjana neziqhamo eziqinileyo. Phantsi kwemeko ezivumayyo, ingavelisa iwayini ezinencasa ezigqibeleleyp nencasa emyoli ebufana ne ester.

Translated by Zizipho Silwana