Carignan

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Carignan ngumdiliya onexolo elimnyama osetyenziswa kakhulu ukuvelisa imixube kunye ne wayini ezenziwe ngalomdiliya kuphela. Akukho siqiniseko ngonozala woludidi.

Imvelaphi

Lomdiliya imvelaphi yawo ise Spain, uthiywe ngegama ledolophu ye Cariñena kwiphondo le Aragon. Sele isuka kuveliswa kwingingqi ye Languedoc Roussillon, eyayifudula iyingxenye yobukumkani be Catalunya-Aragon neyathi yabayinxalenye ye France ngomnyaka ka 1659, ukusuka nge nkulungwane ye 12.

Ingingqi ephantsi kwemveliso ye Carignan eFrance ikhule kakhulu ngokuhamba kweminyaka, logama ishokoxeka e Spain. Lomdiliya uye wabanegama elibi ngeminyaka ye 1970s, xa amafama ama French atyala amawaka waka ehekhtare ze Carignan kuba ivelisa isibalo esiphezulu , ukuze ifumane imali kurhulumente owayenikisa ngayo kumafama athe avelisa inani eliphezulu lezityalo.

Iziphumo zoku yaba zizi gidi ngezi gidi ze litha ze wayini ye Carignan ekumgangatho ophantsi ngolona hlobo. Indawo evelisayo e France inciphiswe ngeeyona ndlela ukusukela ngeminyaka ye 1990, ngenxa yezibonelelo zika rhulumente, kwaye kujongwe ngononophelo ukuvelisa iwayini ye Carignan esemgangathweni.

Amanye Amagama

Lomdiliya ukwaziwa nangokuba yi Carignane eMelika,i Carignano eItaly, iCarignan noir eFrance kunye ne Tinto Mazuela okanye i Samsó eSpain.

Imveliso eMzantsi Afrika

UProf Abraham Izak Perold kwiminyaka ye 1920 wavakalisa iminqweno yakhe yokuba imveliso ye Carignan yandiswe eMzantsi Afrika, ngenxa yokukwazi kwalomdiliya ukumelana nemo yezulu eyomileyo. Kubonakala ukuba imveliso yaqala ngokwenene phakathi na phakathi kwiminyaka ye 1970, iqalwa lusapha lakwa Basson, nababelima e Die Slot in Perdeberg.

Olusapho lwaluphakathi kwantu bokuqala ukulima ifama zomdiliya ngo 1972. UCharles Back wase Fairview uzenzele igama kwi New World njengomnye wabavelisi abaphambili be wayini eyenziwe ngomdiliya we Carignan kuphela, ingaxutywanwa neminye imidiliya.

Le wayini yakhe ke uyibiza ne Pegleg Carignan, neyenziwe ngomdiliya okhuliselwe emathyolweni e Die Slot. Le wayini ithiywe ngegama lika cobus Basson, nowathi eneminyaka eli 17, waphulukana nomlenze wakhe xa itrektha yaphequka yahamba phezu kwakhe ngethuba encedisa utata wakhe kwintsimi ye Carignan.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Lomdiliya awutyalwanga kakhulu eMzantsi Afrika, ine hekhtare nje ezingaphezulwana kwi waka ezatyalwa ngonyaka ka 2016. Uninzi lwalendidi lutyalwe e Swartland, Paarl kunye nase Stellenbosch. Eyona Carignan ibasemgangathweni yephuma kwisidiliya esisemahlathini, ndawo leyo imveliso yayo inqabile.

Ukukhula

Lomdiliya uyachuma, kwaye ungathwala isivuno esiphakathi kwe 15t/ha ukuya kwi 20t/ha.

Ukuvuthwa

Lomdiliya uvuthwa ukusuka phakathi kwixesha lokuvunwa, ukuya kwisiqingatha sesibini sika Matshi. The grapes ripen from late mid-season, from the second half of March.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa wawo amnyama, arawndi kwaye mancinci ukuya phakathi ngomlinganiselo. Ixolo liqinile kwaye lingqindilili.

Amagqabi

Amagqabi makhulu, aluhlaza ocacileyo, asikwere ukumila kwaye anekona ezintlanu.

Izonakalisi Nezifo

Lomdiiya uthanda ukuhlaselwa kakhulu sisifo sokufa amasebe (dead arm disease ngesingesi) ukununda okungumgubo kwaye unochuku kwi sifo esibolisayo.

Imisebenzi

Nangona uMzantsi Afrika uzivelisa ezinye ezimnandi iwayini ezenziwe ngokusetyenziswa umdiliya we Carignan qha. Uninzi lwalomdiliya lusetyenziswa ukuphuhlisa umbala obomvu kwindidi ezifana ne Shiraz, Cabernet Sauvignon kunye ne Mouvédre ezizezona zixutywa kakhulu nalomdiliya. EFrance nase Spain ivamise ukuxutywa ne Cinsaut noir, Grenache noir kunye ne Tempranillo ukuvelisa iwayini ekulula ukuzisela.

Incasa

Lomdiliya unencasa uvamise ukubanencasa yamaqunube abomvu.Translated by Zizipho Silwana