African Rock Python
Ugqoloma

© Shem Compion

Igama

Ugqoloma [Python sebae]

Uluhlu

Reptilia

Ubume

Squamata

Usapho

Boidae

Ezinye iindidi

Zimbini iindidi ezaziwayo: UQgoloma [Python sebae sebae]Kunye ne Foli [Python sebae natalensis]

Ubude (Imazi)

5,0 m

Ubude (Inkunzi)

4,25 m

Inkangeleko

UGqoloma yeyona nyoka inkulu yase Afrika. Inephawu lwentloko yencula apha phezu kwentloko, imigca emnyama nekhanyayo enqumle imehlo ukuya emlonyeni. Umzimba ungwevu-luhlaza wengca okanye umbala omdaka. Ze ibenemigca emikhulu emnyama namachokoza apha ngaphezulu.

Apho ifumaneka khona

UGqoloma ufumaneka e sub-Saharan Afrika ukuya ku Mbindi nase Ntshona Afrika kunye ne Foli efumaneka e Kenya ukuya e Mzantsi Afrika apho ifunyanwa e Lowveld iyokufikelela nase kumaxweme angezantsi a Kwa-Zulu Natal ukunwenwela imifula yase Limpopo ukuya e Lobatse e Botswana nakwiphono lo Mntla Koloni.

Ukuzala

Imazi ibeka amaqanda amakhulu angama 30-50. Imazi izisongela kulamaqanda ukuze iwakhusele, kodwa ayiwa fukami ngokushukushukuma. Amantshotsho aqanduselwa emva kwentsuku ezingama 65-80.

Isidlo

UGqoloma utya inyamakazi ezincinci,iinkawu,impangele nemfuyo yekhaya kunye nentlanzi. Amacikilishe nokrebe nabo ayibachasanga

Amanqaku asendle

UGqoloma akanabuhlungu, ntonje ixhoba ulibulala ngokulibhijela alikhonkxe de life.