Abaxhasi baka Nelson Mandela baqhanqalazela ukuba akhululwe
Ngexesha lovalelo luka Mandela eRobben Island, abemi boMzantsi Afrika abaninzi balwela ukhululo lwakhe, bequlunqa uqhanqalazo nee rali beqhanqalazela ukuvalelwa kwakhe. Inginginya zabantu ezisuka kwilizwe lonke bebeqhanqalaza endaweni ka Mandela befuna akhutshwe. Abafundi be Yunivesithi yase Kapa babamba uqhanqalazo oluthuleyo besenzela ukukhululwa kuka Mandela. Abantu bentlanga ngentlanga balwa norhulumente wengcinezelo nokunyanzela ukohlula abantu ngokobuhlanga. Kulo mfanekiso liqembu labaqhanqalazi, becula “ Khulululani uMandela” bephakamise ibhodi enemibala ye ANC nobuso buka Mandela bephakamise amanqindi phezulu, ngamandla omzabalazo. Ukuphakamisa inqindi kwakubonakalisa Amandla nobumbano ngexesha lomzabalazo.
"Akukho lizwe linokuze liphuhle ncam ngaphandle kokuba abemi balo bafundile.” ~ Nelson Mandela
uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...
moreuNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...
moreuMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
more