Abalandeli baka Mandela babhiyozela ukuPhuma kwakhe Entolongweni
Abalandeli baka Mandela babhiyozela ukuphuma kwakhe entolongweni.
Xa uNelson Mandela wayekhululwa entolongweni ngo 1990, abemi beli babhiyozela ukuphuma kwakhe njenge qhawe lelizwe lezopolitiko. Inginginya zabantu zabamba iirali badibana ukubhiyozela inkululeko ka Mandela. Abaxhasi banxiba izikipa ezinemibala ye ANC umnyama, uhlaza, negolide besithi “Wamkelekile ekhaya, Nkokheli yethu” benza namazwi enkuthazo kumbutho we ANC. Ukubuya kuka Mandela yayingumbono owawunika ithemba kwi kamva labantu boMzantsi Afrika ababe selucinezelweni ngexesha lengcinezelo neminyaka yocalucalulo babenethemba lokuba inkululeko ka Mandela izakuzisa inkululeko kumntu wonke kweli lizwe.
“Akukho mntu usazi ncam isizwe de abe sesuka ngaphakathi kwintilongo zaso. Isizwe akufunekanga sigwetywe ngendlela esiphatha ngayo abemi baso abaphezulu koko ngendlela esiphatha ngayo abona bemi base zantsi.” ~ Nelson Mandela
uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...
moreuNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...
moreuMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
more