uMfazi owaqhanqalazela iSouth African Defence Force ngoku gqogqa amazwe angabamelwane kweli ngenxa Yokufihla Amalungu we ANC

© Dr Peter Magubane
Uqhanqalazo oluchasene ne South African Defence Force eyayi hlasela amazwe akufuphi iZimbabwe, Zambia, kunye ne Botswana lamazwe ayesaziwa ngokuba “Afihle” amalungu ombutho we ANC.
Ngeminyaka yengcinezelo, amatsha ntliziyo amaninzi achasene nocalulucalulo ayehlala emfihlakalweni abanye baya elubhacweni kumazwe ase Afrika akufuphi aquka, iZambia, Botswana, ne Zimbabwe. Amazwe afana ne Mozambique ne Angola ayesola iSouth African Defence Force (SADF) okokuba izakuhlala isenza ugqogqo ngapha kwebhoda ukuvala amanye amazwe ekuxhaseni umzabalazo eMzantsi Afrika. Ngoku chasana nolugqogqo, abantu babe qhanqalazela ubujoni borhulumente wase Mzantsi Afrika nobandlululo. Babe lwela ukukhululwa kuka Mandela, amalungelo alinganayo kumntu wonke, nenkululeko elucinezelweni. Kumfanekiso ngumfazi ophethe umbhalo obhalwe: “Khululani uMandela”.

“Xa indoda ivinjwa ithuba lokuphila ubomi ekholelwa kubo, akanayo enye indlela ngaphandle kokuba abe sisaphuli mthetho.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more