Waterbuck
Imbabala

© Roger de la Harpe

Igama

Imbabala

Inkangeleko

Le yinyamakazi enkulu. Iinkunzi zinobude bamagxa ubuyi 1.4 m kwaye zinganobunzima obufikelela kuma 260 kg. Iimazi zincinane kunenkunzi.
Iimbabala zinesikhumba esidlakadlaka nesimdaka-ngwevu ngebala. Amehlo nempumlo anezibhaxuezimhlophe, kwanebala elimhlophe phantsi kwentamo. Umva wayo unesaringe esicacileyo esimhlophe. Iimpondo ezinkulu nezirawndi zizo ezigqame kakhulu.
Zinkunzi zodwa ezinempondo ezinde ezigobele ngaphambili. Zozibini izini zikhupha ivumba elibi, elivamise ukushiyekela kwindawo ebeziphumle kuzo.

Isidlo

Imbabala ubukhulu becala itya ingca esecaleni kwamanzi angatshiyo. Ziyaykhetha ingca ukuba ikwimeko ezingentlanga. Imbabala ixhomekeke kakhulu emanzini kwaye isela yonke imihla.

Ukuzala

Zikhwelana kakhulu ebusika, kodwa zingakwelana kumaqondo aphantsi unyaka wonke. Emva kokumitha inyanga ezilithoba, ithole elinye liyazalwa, maxa wambi ibengamawele.
Ukuzala kuvamise ukwenyuka ngexesha lasehlotyeni. Ithole elisandula kuzalwa lifihlwa emathyolweni ashinyeneyo okanye engceni ende kangange veki eziliqela, phambi kokuba angene emhlambini alandele onina.

Ukuziphatha

Le yinyamakazi endwebileyo. Iinkunzi ezilawulayo zihlala kwindawo ezithi zizikhusele ngokubonakalisa ingcwangu nqu nangemilo. Iimazi, amathole kunye nenkunzi ezingena mazi zihlala zingumhlambi.
Inani lalomhlambi ke liyatshintsha mihla le kuba ezinye ziye zizihambele okanye kubekho ezizongena kulomhlambi. Ziincutshe ekudadeni kwaye xa zisengozini enkulu, zintywilela emanzini anzulu. Zifumaneka ziyimihlambi efikelela ku 30.

Intlalo

Zihlala kuphela kwindawo ezinamanzi oneleyo, kwakunye nendawo ezinemithi eshinyeneyo nengca ende esemgangathweni. Imbabala ngamaxesha athile iye emathafeni nasendaweni ezime amanzi.

Apho Zifumaneka Khona

EMzantsi Afrika isasazeke kwindawo ezinamanzi ezise Mpumalanga, Phondo loMntla Koloni, nomntla we KwaZulu-Natal. Kutshanje zisandokubuyiselwa e St Lucia nase Ithala game reserves KwaZulu-Natal.

Iintshaba

Ingcuka, Ingonyama, kunye ne Ngwe ngawona matshaba azo makhulu, kodwa no Xam, ama Xhwili kunye namahlosi ayayisukela Imbabala.

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Igama lesi Latin: Kobus ellipsiprymnus
Ubunzima (Imazi): 205 - 250 kg
Ubunzima (Inkunzi): 250 - 270 kg
Ubude (Imazi): 210 cm
Ubude (Inkunzi): 210 cm
Ixesha lokumitha: 9 iinyanga
Inani lamathole: 1 ithole
Ubume: Artiodactyla
Usapho: Bovidae
Iimpondo: 75 cm
Ukuzala: Amathole anokuzalwa nangeliphi ixesha enyakeni nangona elinani lisenyuka kumaxesha asebusika kwezinye iingingqi

Imizila Yeenyawo

Imizila yenyawo zembabala ixhomekeka kwiminyaka yayo nesini. Eminye imbaxa eminye indunyuva logama eminye itsolo yaye inciphile.