Variable Skink
uMabuya

© Tyrone Ping

Igama

uMabuya [Mabuya varia]

Iimpawu Ezibalulekileyo

Udidi: Reptilia
I-oda: Squamata
Usapho: Scincidae
Ubude_imazi: 50 - 60 mm
Ubude_imazi: 50 - 60 mm

Inkcazelo

uMabuya uphakathi ngesiqu futhi une bhuqe elirawundi, linezithuba pha kwizivalo zayo. Imibala-bala iyohluka, ibamnyama emva, mnquma, imbatshe buntsundu okanye ibe bomvu-ntsundu, inemibala emnyama iphinde ingabinayo ngamanye amaxesha. Kuba khona umbala owahlukileyo apha emqolo nasezimbanjeni. Isisu sona siluhlaza-mhlophe.

Iintlobo

Inkcazo yoluhlanga ayikaqondwa imane iqapheleka pha kwithafa i-Nyika eMalawi.

Ulwabelwano

EMzantsi Mpuma Koloni, eMpuma Afrika ukuya eSudan nase Somalia, entshona yeNamibia, Angola nase Congo.

Ukuzala

uMabuya usoloko ekhulelwe kodwa kukhona indawo apho libeka amaqanda ayi 6-12 khona, aqandusela emva kwentsuku eziyi 60 emveni kwexesha lokufukamisa. Zikhula msimnyane zifikisa xa zinenyanga eziyi 8.

Itya Ntoni

Imiqikela yenkumbi, iziduli, izigcawu ngamanye amaxesha athile zitya amanye amalovane.