uMandela Kwi Projekhti yakhe Yenkokheli Zehlabathi

Ulwazi Lwesinye ne Sininzi

©Eric Miller

uMandela wathu ngemini agqiba ngayo iminyaka engama 89: “Masibabize ngee Nkode ze Hlabathi, hayi ngenxa yeminyaka yabo, kodwa ngenxa yolwazi lwakhe yesinye nolwesininzi. Eliqela alifumani mandla alo kumandla ezepolitiki, kwezoqoqosho okanye kwezemikhosi.

Lifumana amandla ekuzimeleni naseunyanisekeni kwabo balapha. Abanamisebenzi kufuneka beyakhile, ielections ekufuneka beziwinile, abavoti abafuna ukubonwabisa. Bangathetha naye nabani na abafuna ukuthetha naye kwaye bakhululekile ukuba balandele iindlela abayibona ibalungele, nokuba ngaba sele ingathandwa sisininzi.”

Iiqela leenkokheli Elizinikezeleyo

Waze wachaza indlela uRichard Branson, indoda eyakha ubukhosi be Virgin Atlantic kwaye nozalwa ngemini enye ne Nelson Mandela, kunye ne mvumi yase Britain kunye nomlweli wamalungelo u Peter Gabriel, nabathi baveza kuye umbono wokuqala iqela elizimiseleyo leenkokheli, nabasebenza ngokungenamkhethe bengajonganga kuzuza nto. Eli qela lalizaku sombulula iingxabano ezinzima ezijongene nehlabathi.

‘Ukusukela ngoko ndibukele lombono ukhula, usakheka kwaye usiya ubanamandla kwaye uzalisekiseka.’ Kwatsho uMandela. Waqhubeka ngokupela indlela awababona ngayo beqobisana nendima yabo: Abathathi indlela elula nenceda nje umzuzwana, kodwa baxhasa iindlela ezinceda ixesha elide, ezibonakalayo nezikwa lungisa unobangela wee ngxaki abazilungisayo.

Abasombululi bee Ngxaki Abazimiseleyo

Ndiyabazi, bazimisele ekusebenzeni ngolwazi lwasekuhlaleni; ekumameleni naseku manyaniseni iintshaba kunye namaqhawe; ekusebenzeni naye nabani na ozimisele ukusombulula ingxaki. Banganceda ukuzisa iimbono ezintsha kunye nezisombululo ezingeaziwa ncam ukudibani abo banezidingo zokwenene kunye nabo banento abanganceda ngayo.

Ngoncedo lwabahlobo babo bezoshishino, bangazama ezobuchwephesha, bazise nolwazi ngemiba esele ilibalekile, baphinde bancedise ukufumana iizinto zokuzisombulula. Kodwa nayiphi na indlela abayisebenzisayo, ndikholelwa ekubeni ekugqibeleni bububele nobuntu obuzezono zinto zizisa utshintsho. Ndiyayazi ukuba ababahlobo bam banakho ukuzenza zonke ezi zinto.

Umoya Wobuntu

Ebhekise ku Desmond Tutu, nabhale naye incwadi , waqhubeka wathi: Kwaye ndilindele ukuba umhlobo wam uArchbishop unako ukwenza nayo lento, bazakufuna ukugxininisa ukubaluleka kokudingana kwabantu bonke.

Sikubiza oku ngo Buntu- Ubu Afrika obuthi umntu ngumntu ngabantu. Ndiyathemba ukuba ezi Nkonde zingayimizekelo ekunokufunda kuzo- Ubunkokheli, ukubonisa indlela kunye nokuxhasa zonke iintlobo zee nkqubo, ezabo kunye nezabanye abantu abaninzi. Ezinkonde zingathetha zikhululekile nangelizwi eliqinileyo, besebenzela elubala kunye nasekhusini ukwenza nayiphi na into edingekayo.

Ihlabathi Lidinga Iinkokheli

Yayingu Peter Gabriel owacacisa esi sihloko: Kuluntu lwezithethe namasiko, abantu abadala basokolo benendima abayidlalayo ekusombululeni iingxwabangxwaba, ukucinga ngengomso nokusebenzisa ulwazi apho ludingeka khona. Abantu abadala isenokuba liqela elithenjiweyo lihlabathi, elinokuthetha poqo, elizimeleyo kwaye baphendule msinya kwimeko ezineyantlukwano.

uMandela, nangona waye lilungu Leenkonde, wehla ngokuzithoba ekusebenzeni gqithi, Wathi ‘Njengoba besele nditshilo ngaphambili, ndizama ukuthatha umhlala phantshi kwaye ngelishwa andizukwazi ukuthatha inkxaxheba kumsebenz onika umdla, ukucazulula iingxaki, ukukhangela izisombululo, nokukhangela abalingani.’

Translated by Zizipho Silwana

Bill Clinton on Mandela's Legacy

Owayesakuba ngu Mongameli wase Melika u Bill Clinton, wenza amazwi ombulelo ngonyaka ka 2007, ngethuba ku bhiyozelwa usuku lokualwa luka Man...more

uDesmond Tutu

Ungomnye wawona maqhawe athandwayo eMzantsi Afrika, uDesmond Tutu waziwa kakhulu ngokulwela amalungelo abantu....more