uBill Clinton Ethetha nge Lifa lika Mandela

© Eric Miller

Ubuntu

Owayesakuba ngu Mongameli wase Melika u Bill Clinton, wenza amazwi ombulelo ngonyaka ka 2007, ngethuba ku bhiyozelwa usuku lokualwa luka Mandela.

Ngethuba evula I exhibit ebhiyozela uMandela kunye nowayesakuba ngumongamelo we ANC u Nkosi Albert Luthuli kwi ofisi ze Nelson Mandela Foundation e Johannesburg, uClinton wathi eyona nto ibalulekileyo ngelifa lika Nelson Mandela kukuba umba wobuntu behlabathiubaluleke ukogqitha izinto esahluke ngazo.

‘Izinto esahluke ngazo zizinto ezintle, zenza ubomi bunike umdla, kodwa ubuntu bubaluleke kakhulu. Yeyona nto ibalulekileyo kwilifa lakhe kuba ingundoqo wayo yonke ingxaki abantwana bethu kunye nesizukulwana esizakujongana nayo’ uMandela wayekhona kulomcimbi kodwa akazange enze ntetho.

uClinton wathi kubalulekile ukuba abantu kwihlabathi lonke liphela bakhumbule kwaye baphile ilifa lika Mandela bangakhumbuli nje oku lithethayo. Wathi wazama ukuza eMzantsi Afrika minyaka le ngexesha lomhla wokuzalwa kuka Mandela. ‘Ndifuna ukubona umhlobo wam kuba nguye okhuthaze okuninzi endikwenzileyo.

Translated by Zizipho Silwana