Ulawulo Lwesityalo seCantaloupe

© Louise Brodie

Ukutshintshwa - Tshintshwa Kwesityalo

Kulungile ukutshintsha-tshintsha iicantaloupe kunye nezinye izityalo ezifana neembotyi okanye izityalo ezinamagqabi. Zama ukutyala iicantaloupe rhoqo emva kweminyaka emibini kwindawo enye. Ukuba umhlaba wakho kufuneka utyale kuwo iicantaloupe qhoqo ngonyaka, kufuneka uqiniseke ngezilawuli zezonakalisi kunye nokutshizwa komhlaba.

Isivuno - iitoni kwihekhtare nganye

Esiqhelekileyo: 15 iitoni
Esiphakathi: 30 iitoni
Esihle: 40 iitoni

Ukuvunwa

Ukuvunwa kuqala malunga neeveki ezili 12 emva kokutyala izithole. Kungavunwa ngesandla kwaye kungaqhutyekwa iiveki ezintathu ukuya kwezine ezilandelayo. Kuvunwa kumanqanaba athule ohlukileyo e “slip” elixhaphakileyo “full slip” kunye ne “half slip”. Lamagama abhekisele ekubeni kulula kangakanani ukusiphula imelon kwisiqu. Imelon ezizakukhawuleza zithengiswe ze zityiwe zingavunwa kwi “full slip” xa zivuthwe ngokupheleleyo. Ezi ke kufuneka zithengiswe ngoko nangoko. Iziqhamo ezivunwe kwi “half slip” azivuthwanga ncam kwaye zingagcinwa zithengiswe ekuhambeni kwexesha.

Ukugcinwa

Icantaloupe okanye iMuskmelon zonakala msinyan kakhulu ngoko ke kubanzima ukuba zigcinwe. Zingagcinwa kumaqondo amalunga nesi 2 ukuya kwisi 4°C. Ukufuma kufanele kubemalunga nama 90%+. Kunqabile ukuba zigcinwe ukudlula iintsuku ezili. Ezinye iindidi ezintsha ezivunwe kwi “half slip” zingagcinwa kumaqondo aku 0 ukuya kwisi 2°C kangane veki ezine. Eyona melon inencasa iseyileyo ivunwe sele ivuthwe ngokupheleleyo yaze yatyiwa kanye emva kokuba ivuniwe.

Izonakalisi

Imibungu, iAmerican Bollworm, iAphids kunye nee Leaf beetles.

Izifo

Downey Mildew, Anthracnose, Powdery Mildew, Fusarium wilt kunye nokubola, Mosaic virus, Bacterial wilt kunye ne Leaf spot.

Translated by Zizipho Silwana