Ulawulo Lokungcola kwi Fama ze Hagu

©Glenneis Kriel
Farmers need to regularly remove slurry and manure from production sites.
Logama ingqokelela yokungcola yelindle lehagu elixubene nezinye izinto ingoyena nobangela wongcoliseko kwifama zehagu, lingasetyenziswa ukunyusa ingeniso ngoku lisebenzisa njenge sichumisi, umgquba okanye uwenze amandla. Into yokuqala emawuyiqaphele phambi kokuqala ukufuya iihagu, kukuba okukungcola okanye umgquba uzaku thuthwa njani. Kwifama encinci apho iihagu ezivumelekileyo ukuhamba ngaphandle, umgquba kufuneka ususwe rhoqo ukuthintela ukukhula kwezifo nongcoliseko. Umgquba ungasuswa ngoomatshini, okanye ngomhlakulo.
Ukuwususa ngomatshini kunzima nezixhobo ezinzima apho iihagu zikhuliswa ezindlini. Inkoliso yezindlu zangoku zenziwe zaphezulu kancinci ukuze ukungcola kukwazi ukuphumela ngaphandle kumngqxunya owenzelwe bona okanye idama.

Imithetho ka Rhulumente

©Glenneis Kriel
Modern sites are designed to ease the removal of slurry.
Mandulo, kwakungekho nxa ekuqokeleleni ukungcola kwidama, kodwa kule mihla amadama okugcina enziwe imigca, ngomthetho ukuze kuthintelwe ungcoliseko lwamanzi. Lamadama angakulungeli ukuba kufuphi kwindawo ezilime ukutya okanye vleiland, ukungabina ndlela yokungena okanye ndlela yangaphandle kwindawo ezijongene namanzi ka masipala.

Izichumisi

Ngokwe cwadi ebhalwe ngu Danie Visser ethi Modern Pig Farm, amafama ayazohlula eziqinileyo kuna manzi kwaye asebenzise ezi zamanzi izichumisi ngokuzi sasaza kwisivuno esithile okanye amadlelo. Ukuthintela ukufaka isichumisi kakhulu, umlinganiselo ofakiweyo uyacuthwa uhambelane nezidingo zokutyebisa isivuno. Intwana-ntwana zomhlaba zithathwa minyaka le ukuqaphela izidingo ezingafaniyo zezinongo zilungiswe phambi kokuba zixake.
Cela owesayensi yemihlaba akucebise phambi kokwenza oku, ukukunceda uqaphelisise umlinganiselo wezakha mzimba kukungcola akuncede wenze uhlelo lwesichumisi.

Umgquba

Okuqinileyo kumgquba kunga setyenziselwa umoya we nitrogen emgqubeni. Uvumele umgquba wenze ubushushu obaneleyo kuzakunceda ukutshabalalisa iintsholongwane ezinokuba yingozi. Isicuku somgquba masigcinakale sifumile, kodwa singomanga, ukukhawulezisa ukwenza lomgquba uguqulwe rhoqo okanye uvunyelwe uphefumle ukuqinisekisa umoya wokuphefumla wanele ukuze kukhule umgquba osisichumisi ongenantsholongwane.
Ixesha elithathwa ngumgquba ukuze ulungele ukusetyenziswa egadini lixhomekeka kwimeko yezulu, leke yenza umgquba nendlela umgquba ophethwe ngayo.
Umgquba olungele ukusetyenziswa unuka okomhlaba. Xa unuka kakubi, okanye ngathi ubolile, ikhona ingxaki ngawo. (Funda ngakumbi ngokwenza umgquba).

iBiogas

©Glenneis Kriel
Pig slurry can be used for biogas production.
i-Bio-digester ingasetyenziswa ukuguqula ukungcola kubeyi biogas, engasetyenziswa ekuphekeni, nokujika ibiogas ibengamandla ombane, umzekelo ukunkcenkceshela nokuvasa, kunye nombane, ongasetyenziswa ukwehlisa indleko zombane efama okanye uthengiswe kwisebe lezamandla.
Ukungcola okuninzi kuyafuneka ukuze kuvelise umbane, amafama kufuneka abale ukungcola okuveliswa zihagu zabo ngenyanga nganye enyakeni ukuqinisekisa kuzakubakho imveliso eqhubekayo unyaka wonke. Iindleko ziyenyuka xa umfama egqiba okokuba awagcine lamandla efama, ngokusebenzisa ama (battery).

Translated by Zikhona Plaatjie