Ukondla Iihagu Ngeentsalela Zokutya

©Glenneis Kriel
Feeding of acorns on its own will not be enough to raise healthy pigs.
Zeziphi kanye ezintsalela ziyingozi? Iintsalela zokutya ezinenyama okanye ebezikhe zadibana nenyama. Ngokomthetho we Animal Disease Act (Act 35 of 1984), akukho semthethweni ukondla iihagu ngokutya okuloluhlobo. Akukhathaliseki noba kusuka emagumbini wokutyela wamafama, kwizikhephe, ezirestyu, ezibhedlele okanye ezi hotele. Ungondla iihagu ngentsalela eziloluhlobo kuphela ukuba ubuqale wazibilisa kangange yure ukuqinisekisa ukuba kufe zonke iipathogens. Oku kukwathetha ukuba iihagu kufuneka zigcinwe kude lee nenkunkuma okanye ezinye izilwanyana ezifileyo.

Iintsalela Zokutya Ezilungileyo

©Glenneis Kriel
If cheese is produced on a farm, whey can help to reduce pig feeding costs.
Ezinye iintsalela zokutya ezifana neziqhamo kunye nemifuno eseleyo, imvuthuluka yezityalo ezifana nezikhwebu zombona, amagqabi, amadiza kunye neentsalela zemizi mveliso ezifana nesonka esidala, ubisi oludala, umgubo wesonka samasi kunye neengqolowa zokuvubela utywala zivumelekile. Xa usondla iihagu zakho ngezintsalela kufuneka uqaphele, kwaye uqinisekise ukuba ezintsalela azigxojwanga zizilwanyana ezifileyo kwaye azinazi khemikhali zinobungozi.
Ukondla iihagu ngeentsalela zokutya kuphela, kunegalelo elibi kwimpilo nasekukhuleni kwazo. Ngokomgaqo we South African Pig Producers Organisation, iPigs for Profit, iihagu ezondliwa kuphela ngesonka esidala zibanamanqathe angaphezu kwezihlunu. Oku kungakhokelela kwiingxaki zezempilo kwezi hagu. Kuyafana ke nakwisondlo esiyimifuno eluhlaza. Esi sondlo semifuno eluhlaza kufanele sibonwa njengomxube wee vithamini hayi ukutya.

©Glenneis Kriel
Make sure that by-products from mills do not contain any contaminents or harmful products.
Eyona nto ilungileyo inokwenziwa xa uthatha isigqibo mayelana nokutya kwee hagu zakho, kukuthetha nengcali yezokutya kwezilwanyana. Le ngcali izakukhombisa ixabiso lezintsalela ufuna ukondla ngazo iihagu zakho; ze ikubonise ukuba ungakwaba njani oku kutya ukuze uthintele unqongophalo lwezinongo. Iihagu ezingatyi kutya okuzilungeleyo, zizakuba phantsi koxinzelelo lwengqondo, zifumane izigulo lula kwaye zithathe ixesha ukukhula.

Translated by Zizipho Silwana