Steenbok
Itshabanqa

© Roger de la Harpe

Igama

Itshabanqa [Raphicerus campestris]

Inkangeleko

Isikhumba esintsundu ukuya kumbala omdaka nendlebe ezinde,ezikhephelele. Ubude bamagxa obungama 520 mm nobunzima ubuzi 11 kg. Amanqina angemva namaphantsi amhlophe qhwa. Zinkunzi kuphela ezinamaphondo amileyo, anciphileyo ame entla kwamehlo.
Izaringi ezimnyama ezicacileyo zijikeleze amehla amakhulu anombalaomdaka. Zikhona ke kuzo zozibini izini-Iimazi neenkunzi.

Isidlo

Lenyamakazi iyazikhetha izityalo emayizitye, kwaye ikholwa ziintyatyambo ezibizwa nge forbs. Ubukhulu becala inomkhethe kwizityalo eziluhlaza ezifana namagqabi esemancinci,iintyatyambo,iziqhamo nentshula-ntshula zezityalo ezahlukeneyo.
Ukukwazi kwayo ukuphila ngaphhandle kwamanzi kuxhomekeke kokuba nomkhethe kwinto eyityayo. Iingcambu, nezityalo ezingamagaqa zityiwa kwii nyanga ezomileyo ngokuthi ziqhwaye umhlaba, kwakunye nokugrumba zime ngamagxa ukuze zifikelele kokukutya kunezinongo kukwanawo namanzi.

Ukuzala

Akukabikho xesha lokuzala licacileyo. Zizala unyaka wonke. Zimitha isithuba senyanga ezisixhenxe, emva koko itakane elinye liye lizalwe. Amatakane abaselugcinweni kwinyanga ezintathu ukuya kwezine zokuqala, apho oonina badibana nawo ekuseni nasemalanga ukuze bawafunze.
Ukuze alahle umkhondo wetakane lakhe, unina utya ubulongwe asele nomchamo walo xa elindwendwele, oku kugcina lendawo lifihlwe kuyo itakane ingenavumba kwaye ikhuselekile kwiintshaba ezinokunqoloba elitakane.

Ukuziphatha

Iinkunzi nee mazi zihlala ndawoninye kwaye zincedisane ukuyigada. Ubuninzi bazo zizihlalela zodwa. Iinkunzi zithi ziphawule iindawo zazo ngomchamo nangento ebumkhwinya ephuma phantsi kwesilevu okanye isebenzise ubulongwe.
Lilo lodwa uhlobo lwenyamakazi oluqhwaya umhlaba phambi nasemva kokuchama nokukhupha ilindle. Iinkunzi zinendlebe ezibukhali. Zaziwa ngokukhukhuza inyama kokhakhayi nangokubulala amantshontsho entaka ezihamaba emhlabeni, kodwa oku kubangelwa kukunqongophala kokutya.

Intlalo

Zihlala kumadlelo aphangaleleyo apho kukho ingca, amatyholo aneleyo nangapheliyo okusithela. Azifumaneki okanye zinqabile emahlathini,ezintabeni, okanye kumahlathi ashinyeneyo kunye nendawo ezinamatye. Maxa wambi zihlala kwimingxunya yamabhere, kwaye zisebenzise lemingxunya ukuzala amatakane azo.

Apho zifumaneka khona

Inokuba yeyona nyamakazana ininzi neyandayo eMzantsi Afrika. Ifumaneka kulo lonke eli lizwe, kwaye ibonwa njengendidi yenyamakazi exhaphakileyo.

Iintshaba

Ingwe, Ingada, Ixhwili, Ihlosi,Ingcuka, Irhamba no Khozi.

Iinkcukacha ezibalulekileyo

Ubunzima (Imazi): 11 - 13 kg
Ubunzima (Inkunzi): 9 - 13 kg
Ubude (Imazi): 90 cm
Ubude (Inkunzi): 90 cm
Ixesha lokumitha: 6 iinyanga
Inani lamatakane: 1 itakane
Ukukungela ukukhwelana: 6 iinyanga
Ubunzima ngethuba izalwa: 1 kg
Ubume: Artiodactyla
Usapho: Bovidae
Iimpondo: Ushicilelo(13 cm - 19 cm)
Ukuzala: Kumathuba amaninzi (1-2) amatakane nangeliphi ixesha enyakeni ( (Ukunyuka kwisibalo kweyeNkanga neyoMnga) emva kokumitha inyanga ezi +- 6.

Imizila yeenyawo

Imizila iphantse yafana neye Wula. Amanqina avulekile kakhulu kwaye athe ngqo akwa makhulwana kunalawo e Wula.