Spotted Hyena
Ingcukacheya

© Roger de la Harpe

Igama

Ingcukacheya [Crocuta crocuta]

Inkangeleko

Ithuba elide Ingcukacheya yayisakubonwa njengesilwanyana esikhangela nesitya izilwanyana esele zizngelwe zabulalwa zezinye. Kodwa ngoku yaziwa ngokuba ngoyena mzingeli unobuchwephesha. Ukwakhiwa kwayo okumqengqelezi nokuhamba bukuqhwalwla, kwakunye nesikhalo sayo esothusayo zizinto eziyinike igama elibi. Kwakukade kucingwa ukuba ikusapho olunye nezinja, kodwa ngoku ibonwa ngengesilwanyana esinempawu ezininzi zekati. Ingcukacheya yaziwa kakhulu ngesikhalo sayo esivakala oku kwentsini okanye ukuhleka. Okusisandi esingenakufaniswa nezinye kwihlathi lase Afrika ebusuku.
Intloko enkulu, umqolo omqengqelezi nempumlo ezibukhali zimpawu ezifana zodwa kwesi silwanyana. Iimazi ibazizo eziphezulu kwizikhundla zolawulo kwaye zinkulu kune nkunzi. Iimazi zinobude obungama 850 mm emagxeni nobunzima obungama 70 kg, logama iinkunzi zona zinobunzima obungama 60 kg. Ingcukacheya ithyeli namala amnyama nendlebe ezi rawndi. Ngaphandle ubuni beemazi buyafana nobenkunzi ngokwenkangeleko, nto leyo ibangela kubenzima ukwahlula phakathi kwenkunzi nemazi.

Isidlo

Amanye amachwephesha aphikisa ngelithi ingcukacheya sesona silwanyana sitya inyama sihamba phambili, kwaye bayibona imo yazo yentlalo njengeyona yenza umdla. Ibisakubonwa njengeligwala, kodwa uphando olunzulu luveze ukuba ingumzingeli onamandla, yaye onobuchule. Ithi ilalele intshiyekela zezinye izilwanyana xa ithanda, kwaye iqela leengcuka zingayigxotha ingonyama kwinyama yayo ukuze zifumane ezi zimuncu-muncu. Nangona, amaqela eengcuka engabazingeli anobuchule kwaye ayakwazi ukukhathalela iimfuno zawo zokutya.
Zizingela ezinye izilwanyana ezindala nezincinci,kwaye zitye nenyama ezifumene sele ifile. Zingaleqa ixhoba ngesantya esingama 60 km/hr kumgama ongange km ezintathu. Amaxhoba afana ne Nyathi, Mpofu kunye ne Nkukhama engaba nobungozi zingoyiswa liqela le ngcukacheya ezizingelayo.

Ukuzala

Amantshontsho asenokuzalwa nakweliphi na ixesha enyakeni. Imitha ixesha elingangenyanga eziyi 3-4, kwaye avamise ukuba abemabini amantshontsho ngexesha. Amantshontsho abanobunzima obungapha kwe 3 pounds ngethuba ezalwa. Aqala ukulunyulwa ibele xa sele enenyanga ezii 12-16. Noba azinakutya enye into ngelixesha, kuba zifumana izinongo ezaneleyo kwibisi lebele. Amantshontsho akhuliselwa kwindawo ezihlala kuyo zonke ezinye, kodwa awafane ampeleswe ngamanye amalungu osapho lwawo.
Iinkunzi akukho ndima ziyidlalayo yobuzali, zimbalwa ezithi zivunyelwe kwa ukuba zisondele kwindawo ezihlala iimazi, nazo ziye ziphathwe gadalala nazi mazi eziselula. Inkunzi ephetheyo ibangu tata phantse kuwo onke amntshontsho eqela.

Ukuziphatha

Zikholwa kukuhamba ebusuku, emini zingqegqa emathyolweni axineneyo okanye emingxunyeni eshiywe ngama Hodi. Iingcuka zihlala zilusapho zikhusela nendawo yazo ekuthathweni zezinye iintsapho. Amalungu aqhubeka nokuzishiya iintsapho zawo ayokuziqalela ezawo okanye ayokuhlala namalungu ezinye iintsapho

Imizila Yeenyawo

Inenzwane ezine kwinyawo zangaphambili nangasemva, zwane ngalinye lunezipho elomeleleyo olufutshane. Inyawo ezomeleleyo zangaphambili zibonakalisa umlinganiselo wenyawo zangaphambili, ezithi zibenkulu kunezangemva. Ingcuka endala enamabala inkulu kune Ngcuka e Mdaka ngebala.

Apho Zifumaneka Khona

Zikholwa kuhlala kwindawo ezinengca eyomileyo, ephangaleleyo engamathafa, nezinqatyelweyo yimvula. Zibuphela e Mzantsi Afrika ngaphandle kombindi we savannah ne Skukuza e Kruger kunye nase Kalahari Gemsbok National Parks, kwi Phondo Lomntla Koloni, iingingqi ezisemantla e KwaZulu-Natal.