Iingxaki Kwisikhumba seHagu - Izifo kwiHagu

Izifo ze hagu iGreasy pig kunye ne Diamond skin zona zombini zezona zosulela kakhulu zithi zifumaneke kwisikhumba se hagu. Zombini zenziwa yintsholongwane kwaye zithintelwa ngokuthi kugcinwe ucoceko.

Isifo - iGreasy Pig Disease

©National Pork Board, USA
Isifo iGreasy pig disease, ikwaziwa njenge exudative epidermitis, yenziwa bubuza be bentsholongwane yeStaph Hyicus. Ngokwe miqolo eyathi yabhalwa yi (National Animal Disease Information Service), Pig Health – Greasy Pig Disease, intsholongwne iphila ngaphezulu kwesikhumba kwi hagu, kodwa kufuneka kubekhona okukhokhelela ekubeni isifo sivele. Oko kungaba yiyo nantoni na ukususela kwisikhuma esonakeleyo, ezinye izifo, ilindle eziphezulu kwesikhumba okanye ukufuma ngaphezulu, kwaye benze ukufuma apha kwisikhumba sehagu, apho intsholongwane ingaziphinda phinda khona.
Isifo senza imbonakalo embala o-orenji otyebileyo, umbala omdaka bumnyama apha entloko nase mzimbeni weehagu, kwaye zihagu ezincinci eziye zichaphazeleke, ezifana nezincancayo namantshontsho angekalunyulwa. Esi sifo sibulala kakhulu kwi hagu ezincinci njengoko senza ziswele amanzi emzimbeni. Kwi hagu ezindala ingenza amanxeba aphile kade, oku kwenze okokuba isikhumba zitshatyalaliswe apho kuxhelwa khona izilwanyane.
uNyango
Ukusetyenziswa kwe shampu okanye isepha kunganceda ukususa nokubulala ezinye iintsholongwane, kodwa iihagu zifuna okokuba kuzetyenziswe iiantibiotics. Cela ingcebiso kulowo usebenza ngezilwanyane okokuba yeyiphi i-antibiotic onokuyisebenzisa, ukuze uhlasele ubuzaza bentsholongwane ezithile ezenza izifo. Kufuneka kunonophelwe ngokuhoya iihagwana ezosulelekileyo ngamanzi oneleyo anazo ne electrolytes ukuthintela ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni.
Iihagu ezine sifo igreasy skin disease kufuneka zohlulwe kwii hagu eziphilileyo ukuze intsholongwane inganoneleli kwezinye iihagu. Kufuneka ucoceko lusetyenziswe ukulawula inani elenza greasy diseaselihlale lisezantsi. Isizathu sosuleleko kufuneka sichazwe ukuze kuthintelwe uqhambuko lungekenzeki, nokugxwelerheka kwesikhumba, ezinye izifo, ukunga coceki okanye iimeko zezulu ezenza ukufuma ngaphezulu kwesikhumba.

Isifo - iDiamond Skin Disease

iDiamond Skin Disease, ekwaziwa ngokuba yi Erysipelas, yenziwa yi Erysipelothrix rhusiophathiae bacterium, efumaneka kwifama ezininzi zeehagu. Ngokwe Pig Site’s Quick Disease Guide, ukuyokuma ku 50% yezilwanyana zingasiphatha ngoqhoqhoqho esisifo. Kodwa ilindle elosulelekileyo sesona sizathu esenza usuleleko, kodwa siya sasazeka nangomchamo namathe.
iDiamond skin disease ikakhulu ihlasela iihagu ezisakhulayo. Logama intsholongwane iyodwa ingenza isifo, uqhambuko lungenziwa zezinye izifo.
iDiamond skin disease, ivele ithi gqi kwaye ingakwenza ukufa okokhawulezileyo ngenxa ye acute septicaemia okanye ukwahluleka kwentliziyo. Igama layo lisukela kwi sigqumathelo esimile okwe dayimane esimbala obomvu, esithi sivele kwisikhumba seehagu, ngenxa yokungabina gazi lwaneleyo. Ezindawo zinga jika zibemnyama ethubeni ngenxa yendawo ezifileyo emzimbeni, kodwa uninzi luphila kwintsuku ezisixhenxe ukuya kwezilishumi.
Ngaphandle kwezizibhaxu zibume be dayimani, iihagu ezosulelekileyo zivame ukuba nomkhuhlane ophezulu. Kwi hagu ezimithiyo, lomkhuhlane uye wenze okokuba isisu siphume, okanye zizalwe ziswelekile okanye izimumu zeehagwana, logama amadoda eehagu engakwazi ukumithisa ngexesha enesi sifo.
uNyango
izilwanyane ezisulelekileyo kufuneka zinyangwe ngepilisi eyaziwa ngokuba yi penicillin. Cela iingcebiso kulowo usebenza ngezilwanyane okanye osebenza ngempilo yezilwanyane ukuze acebise okokuba ungasebenzisa ntoni kwaye uyisebenzise njani. Ugonyo lukhona, kwaye luyalu thintela uqhambuko.
Iihagu ezine diamond skin disease kufuneka zehlulwe kwi hagu eziphilileyo ukuze intsholongwane inganoneli kwezinye iihagu. Kufuneka ucoceko lunonophelwe ukuze intsholongwane eyenza isifo ihlale isezantsi. Isizathu sosuleleko kufuneka sichazwe ukuze kuthintelwe uqhambuko lungenzeki, nokuba kukungxwelerheka kwesikhumba, nezinye izifo okanye iimeko ezinga cocekanga.

Translated by Zikhona Plaatjie

Iingxaki Zesikhumba seHagu – Iincukuthu Zanga Phandle

Imange, iintwala zehagu kunye namakhalane zezinye zee ncukuthu zangaphandle ezinokwenza isikhumba sehagu sityabuke, oku kwenza izinga lemvel...more

Iingxaki Zesikhumba seeHagu – Ezinye Iincukuthu Zangaphandle

Imikhanzi ingahlala kwindlwana zeehagu, iinkunzi zehagu okanye amakhaya abantu, logama iincukuthu eziqinileyo zifumaneka emadlelweni....more

Iingxaki Zesikhumba seHagu - Ukonzakala kunye Nokutshiswa Lilanga

Ihagu esempilweni inesikhumba esicocekileyo, esithambileyo kwaye esinokhazimlo oluthe gqa....more