Iingxaki Zesikhumba seHagu – Iincukuthu Zanga Phandle

© National Pork Board, USA
Imange, iintwala zehagu kunye namakhalane zezinye zee ncukuthu zangaphandle ezinokwenza isikhumba sehagu sityabuke, oku kwenza izinga lemveliso lehle.

iMange

iMange yenziwa ngama ngolwane amancinci (Sarcoptes sum) zithi nca kwisikhumba se hagu. Amangolwane amfimfitha kwisikhumba, afunxa igazi ne serum yehagu kwaye ashiya amaqanda wawo ngaphakathi kwi sikhumba sehagu. Mancinci kakhulu, yiyo lonto kufuneka kuthabathwe intwana phantsi kwe khamera yobuchwephesha bokubona izinto ezincinci.
Ngokwe ncwadi ka Daniel Visser ethi Modern Pig Production ukurhawuzelela okunga mandla, iihagu zizikhuhle ezintweni zizama ukuthomalalisa, le ke ibe luphawu lokuqala lokuba ingxaki ikhona. Izilonda, izikhokho nezigxala ziyavela xa imeko ibambi, kuqala ngaphakathi endlebeni nase mehlweni ze inonele emzimbeni wonke. Isikhumba se hagu siye sikhangeleke siphatshile, kuvele imigca emzimbeni efana nee mbambo.
Iihagu ezichaphazelekileyo azikhuli kakuhle, kuba zihlala zizonwaya endaweni yokutya. Esisigulo singakhokhelela kusuleleko elinobuzaza nokutshatyalaliswa kwesidumbu apho zixhelwa khona iihagu.
uNyango
Idiphu ezahlukileyo, izithsuthsuzi nee naliti zikhona ezibulala amangolwane. Cela ugqirha wezilwanyane okanye lowo usebenza ngempilo yezilwanyana ukuze acebise okokuba ungasebenzisa ntoni ukuze ukwazi ukunyanga kwaye uthintele neengxaki ezingeke nzeki. Ukunyanga iihagu ezindala rhoqo kuzakunceda kukhuseleke oohagwana.
Ngokwe ncwadi ethi Pigs for profit, kukho abantu abasebenzisa amafutha emoto ukunyanga iMange. Le ke ayisililo iyeza le Mange kwaye, kwaye amafutha emoto enzakalisa isikhumba sesilwanyana.

iPig Louse

iPig Louse (Haematopinus suis) zihlala kwisikhumba sehagu kwaye zifumaneka kwindawo eziphinda phindaneyo kwisikhumba apha ngase ntanyeni, emagxeni, esibhonweni kunye nase siswini sehagu. Asibachaphazeli abantu okanye ezinye izilwanyana. Iintwala ezindala zinga khula zide zibe ngu 4mm ukuya ku 6mm ubude, kulula ukuzibona ngelihlo lenyama, kunye nenqwaba yamaqanda afana nengqoqo ezityheli.
Zincukuva igazi, zenza isilwanyana sityabuke kakhulu zenze iihagu ezosulelekileyo zizifake emadongeni okanye naphi na zifuna ukupholisa urhawuzelelo. Nakanjalo ne Mange, oku kungane miphumela emibi kwindlela ezitya ngayo, oko kwenze zinga khuli kakuhle, kwaye zingenza usuleleko olunobuzaza nokutshatyalaliswa kwesidumbu. Ezininzi ke zingenza igazi lesilwanyane libese zantsi.
uNyango
Idiphu ezininzi ezibhalisiweyo ngoku semthethweni zikhona kunye nezi thsuthsuzi ezibulala ezintwala. Cela ugqirha wezilwanyana okanye lowo usebenza ngeze Mpilo zezilwanyane acebise onokusebenzisa nendlela yonyango.

Translated by Zikhona Plaatjie