I-Salty Ice Plant yee Saladi

©Krzysztof Ziarnek
The crystalline Ice Plant has pink flower buds and edible leaves.
Isityalo esinegama elinzima; Icrystalline-ice plant (Mesembryanthemum crystallinum) inamagama amaninzi afana neRosa De Jericho okanye ibrakslaai, noeta kunye ne olifantslaai ngolwimi lwesi Bhulu.
I crystalline ice plant, sisityalo esinabayo ukukhula. Siyatyiwakwaye sinamagqabi ambaca aluhlaza ukuya kubomvu ngombala agqunywe ‘ngamaqamza’. La magqabi ayatyiwa.
Esi sityalo sivelisa iintyatyambo ezimhlophe, nezidubula unyaka wonke.
Esi sityalo siyakwazi kakhulu ukumela netyiwa kwaye singakhula kumhlaba onetyiwa elinganayo neyamanzi olwandle.
Esi sityalo simelanayo nembalela kunye noxinzelelo, seselizwekazi lase Afrika, kodwa sasiwa ngeenqanawe eCarlifornia kwiminyaka yo 1500’s kwaye sibonwa njengesityalo esingafunekiyo kwelase Melika.

Imisebenzi yee Ice Plant

Iqela labaphandi base Japany be Dyunivesithi yase Saga, lathatha iminyaka engama 20 ukuvelisa isityalo se crystalline Ice plant esibizwa nge Barafu. Esi sityalo basenza ngesityalo ababesithatha kwindawo esentlango yase Mzantsi Afrika. Igama elithi ‘Barafu’ lithetha into engamanzi okanye umkhenkce ngolwimi lwe Kiswahili. Eli gama libhekiselele kwinkangeleko yamagqabi esi sityalo. iBarafu sele inexabiso eliphezulu ngoku,ithengwa eJapan ziivenkile ezise Europe kunye nase Melika. Ixabiso le pakethana nganye liqala kwi $80.
Amagqabi kunye neziqu zingatyiwa ziluhlaza (saladi) okanye aphekwe. Lamagqabi anencasana ye asidi nebutyuwarha. Inga biliswa, iqhotswe, ifuthiswe okanye inkonkxwe (pickled) njenge cucumber. Ihambelana kakuhle nezidlo zaselwandle. Xa iphekiwe ingatyiwa endaweni ye spinatshi. Imbewu yayo ityiwa ngamaxesha endlala enkulu.

Ice Plant Njenge Yeza

©Frank Vincentz
The leaves of the Ice Plant can be added raw to salads or boiled like spinach.
Esi sityalo singasetyenziswa ukunyanga ukudumba nokutshotshozela kwe zibindi, isinyi kunye nemiphambili yamabhinqa. Kwilizwe lase Argentina isetyenziselwa ukunyanga izifo ze venereal. Amanzi asandula kukhanywa amagqabi anganyanga ukugcinwa kwamanzi kunye nokuchama kabuhlungu.
Ikwasetyenziswa nasekupholiseni ukutshotshozela nokudumba kwemiphunga. Uphando lwase, olukhankanyiweyo ngentla, lukwafumanise nokuba i-Ice plant iyazicoca ubumdaka emzimbeni kwaye iqokelela ne proline. Iproline lena ke yi amino asidi engadingekiyo, nebandakanyekayo kwimiveliso ye collagen (iproteni encedisana nokukhula kwezihlunu kunye nesikhumba). Iproline inganceda nasekupholiseni amanxeba. Inceda nasekomelezeni amalungu omzimba, amathambo kunye nezihlunu.
Amagqabi asetyenziswa ekunyangeni (ukosuleleka kwamathumbu) kunye nezifo zezibindi nezintso. Abahambi ngenqanawe, babesebenzisa amagqabi ayo ukunyanga izigulo kuhambo olude ngolwandle. Amagqabi akhanyiwe angasetyenziswa endaweni yesepha. Amanzi ala magqabi ayafakwa nakwizinto zokuthambisa izikhumba ezenziwe kwimizi mveliso yentengiso ye khozmethiksi.

Ukukhulisa i-Ice Plant

Ii-Ice Plant ingakhuliswa ngembewu. Le ndidi inamalungu enkunzi nawe mazi (hermaphrodite). Isasazwa zizinambuzane. Iimpuku kunye nemivundla yona isasaza imbewu. Esi sityalo sikholwa ngumhlaba okwaziyo ukufunxa amanzi, kwaye singakhula kwimihlaba engenazinongo ezele yityuwa. Ayinakho ukukhula kwindawo esemthunzini kwaye ayidibani neqabaka.
Isityalo se Ice Plant siqokelela iinitrates (ityuwa) ze ethubeni siyiphindisele emhlabeni. Oku kungenza kubenzima ukutyala ezinye izityalo kumhlaba obutyale yona. Kuba ezinye izityalo azikwazi kukhula kakuhle kwimihlaba enetyiwa. Uphando lubonakalise ukuba le Ice plant ingafunxa isibulali zonakalisi, icadmium kunye nezinye iimetal. Ngoko ke, kufuneka kunoniphelwe xa kukhuliswa esi sityalo ukuqinisekisa ukuba sikhuselekile ukuba singatyiwa ngabantu.
Nceda Uqaphele: Injongo yale nkcukacha kukufundisa nokunika iinkcukacha kuphela. Ayinakusetyenziswa njenge ngcebiso yamachiza/yamayeza. Le nkcukacha ayenzelwanga ukusetyenziswa endaweni yengcebiso zikagqirha okanye kumachiza owanikwe ziingcali zezempilo/oogqirha.

Translated by Zizipho Silwana