I-Dragon Fruit

© Roei Tabak

Yintoni iDragon Fruit?

iDragon fruit sisiqhamo esikhula kwiindawo ezifudumeleyo nezigqatsa ilanga. Esi siqhamo sikusapho lwe cacti (Cactaceae). Sikwaziwa nanjenge pitaya okanye ipere eliliqunube (strawberry pear). Esi siqhamo sisuka kwilizwe lase Mexico, uMbindi Melika kunye nase Mzantsi Melika. 

Le cactus inwenweyo ukukhula, neengcambu ezihamba phezulu, ivelisa iziqhamo ezikhulu ezinama qweqwe ezinobunzima obuphakathi kwe 150 kunye nama 600 g. Umbala wayo uba phakathi kobomvu-pinki ukuya ko tyhelo. Endle, ixhaswa yimithi kwaye sele ibonwa njenge sityalo esifunxa amanzi nesingafunekileyo la mazwe aquka elo Mzantsi Afrika. Kwezolimo, kusetyenziswa ubuchule be trellis ukuze ikwazi ukukhula kakhuhle kwaye kubelula nokuyivuna. 

iDragon fruit ityiwa injalo ikakhulu kwaye imnandi xa ityiwa ibanda. Amaxolo omeleleyo ayaxotyulwa kuvele umphakathi opinki okanye obomvu, nochokozwe ziintanga ezimnyama.

Iindidi ze Dragon Fruit

Amaxolo edragon fruit asenokuba pinki okanye abe tyheli. Umbala womphakathi usenokuba mhlophe, ube pinki ongacacanga okanye upinki ogqamileyo kunye nee ntanga ezimnyama, ezifana nezo zesiqhamo se kiwi. 

Kwakusoloko kucingelwa ukuba incaasa ye dragon fruit ihambelana nombala womphakathi. Le inombala omhlophe inencasa ejavu javana logama ezi ndidi zinomphakathi opinki okanye obomvu zivamise ukuba zezona zinencasa eswiti namanzi amaninzi. Ngokuye kuveliswa iindidi ezingcono, le ndlela yokubona ukuba yeyiphi eswiti ukodlula enye ayisenakusetyenziswa. 

Kukho iindidi ezi ntathu ze dragon fruit nezizezona zilinywayo. Ezi ndidi ke zinamaxolo apinki-bomvu kunye nomphakathi obomvu, idragon fruit enamaxolo atyheli kunye nomphakathi abomvu, ze kubekho ne pinki-bomvu enomphakathi omhlophe. 

Okwa ngoku (2019) kulinywa iindidi ezimbini ze dragon fruit. Ezi ndidi yi Hylocereus undatus nenomphakathi omhlophe kunye ne Hylocereus costaricensis nenomphakathi obomvu. Zombini ezi ndidi zinamaxolo apinki-bomvu, kodwa iHylocereus costaricensis neyeyona iswiyi inamaqondo aphezulu eswekile kwaye iyeyona ixhaphakileyo. 

iDragon fruit etyheli-Hylocereus megalanthus sisityalo ezidubula iintyantyambo ngexesha lase busika. Incinane kwaye ikhula kade kunezinye iindidi. Ikwachukumiseka lula zizonakalisi kunye nezifo. Inencasa eswiti kunee ndidi ezinamaxolo abomvu. Imozulu yase Mzantsi yenza ukuba ingalungi eMzantsi Afrika. 

Iindidi ezintsha ezisuka kwelo Mzantsi Melika nezinye eziveliswe e Carlifornia, sele ziqalile ukutyalwa nase Mzantsi Afrika. Ezi ndidi zine ncasa ethe chatha ngobu switi. Iindidi ezithile ze dragon fruit, ezikwilizwe lase Indonesia zithwala iziqhamo ukusukela kwinyanga ka Januwari ukuya kweka Disemba. Kodwa ke, iimozulu yase Mzantsi Afrika azivumelani nemveliso yonyaka wonke. Ngoko ke, le ntlobo yesi siqhamo ifumaneka kuphela ngeeenyanga zehlobo.

Translated by Zizipho Silwana