I-Brinjal

© Louise Brodie

Igama le sayensi: Solanum melongena igama eliqhelekileyo: Brinjal, Aubergine okanye Eggplant

Inkcazelo Ngesityalo

I-Brinjal sisityalo esinamagqabi amakhulu ahlaza aphatshileyo, afukufu kancinci. Zikhula ngobude be mitha (meter) eyodwa. Izityalo phambi kokuvela iziqhamo zibangumbala (light purple). Iziqhamo zingumbala opurple buku mnyamana ezinye intlobo zimhlophe yiyo lonto inegama elithi ‘Egg fruit’ kuba imboxo njengeqanda.

Imisebenzi

I-Eggplant okanye iBrinjal ityiwa xa iqhotsiwe, rostiwe, ihlohliwe, kwi suphu okanye iphekwe kwimbiza yenyama okanye ikebabs, kwi curry nakwi stir fries.

Imfuneko Zomhlaba Nokuwulungisa

I-Brinjal zithanda umhlaba onesanti nodaka, okwaziyo ukuzihluza. Esisityalo sikhula kakuhle kakhulu kumhlaba one pH ephakathi ko 5.5 no 6.5. Umhlaba kufuneka ulungiswe nomgquba ngaphezulu kwe 40 ye cm njengoko iingcambu ezininzi zisenzeka khona.

Phambi kokufaka umgquba egadini kufuneka umhlaba ukhululwe uhlakulwe kubunzulu obungu 100 cm njengoko ezinye iingcambu ze brinjals zinga nona nge mitha.

Indawo yesityalo mayihlakulwe ukuqinisekisa lomhlaba ungaphezulu ucocekile kwaye uyalingana. Abanye abalimi bakhulisa izityalo kwibhedi ephezulu ukuze ikwazi ukukhameka xa umhlaba usindeka.

Isimo Sezulu

I-Brinjal sisityalo esithanda isimo sezulu esishushu kwaye isuka kwindawo ezikufuphi elangeni. Ikhuliswa kwi ndawo ezishushu kwimi mandla ye mediterraneoan.

Ayidibani nekhephu, kwaye ukukhula nokumila kwayo kunqamka kubushushu obungaphantsi ko 16°C. Ayikhuli kakuhle xa amalungu obushushu engapha ko 35°C.

Iziphumo ezingcono zifumaneka xa ibrinjal ityalwe kwimimandla apho ubushushu bemini nobusuku butshintsha phakathi ko 18 ukuya ku 28°C.

iZilimo

Black King, Black Beauty, Florida Market, Long Purple, Imperial, Little Fingers.

Translated by Zikhona Plaatjie