iMulching

© Dr Pia Addison Wineland 2016

Mulching kuxa umhlaba ugqunywa ngazo naziphi na izityalo ezifileyo ezifana nemithi yomdiliya, iti ye royibhosi, ingca eyomileyo nesihlahla zemidiliya ezingenamagaqa. Oku kwenzelwa ukulwaula ukhula nokunciphisa ilahleko yamanzi ngolophu. Ngaphezulu ikwathoba amaqondo obushushu omhlaba ze icuthe nokhukuliseko lomhlaba.

Izikere ezitsha zokusika, zisika izityalo zokusitha ziphinde zilahlele imicu yezizityalo emhlabeni. Eyona mulch ixhaphakileyo isetyenziswayo yingca eyomileyo yohlobo lwe hay okanye istraw.

Ngenxa yamaxabiso ezintlobo zengca, aphezulu, ivamise ukufakwa kuphela kwindawo apho imithi yomdiliya isilelayo ukukhula. Kwinginqi yase Swartland apho ukulinywa kwe wayini kuvamise ukudityaniswa nolimo lwengqolowa kwaye nengca ye straw ihlala ikhona, maxa wambi iyasetyenziswa nakwimiqolo yemithi yomdiliya.

Abavelisi be wayini bayakucwezela ukusebenzisa umgubo wama planga njenge mulch nanjengoko iye yehlise ipH emhlabeni.

Ekuhambeni kwethuba imulch isenokuvutyelwa emhlabeni ukuze yandise izinonge zendalo zomhlaba. Ikwanyusa nezinga le microbiology emhlabeni ize inyuse nesibalo se saprophytic fungi–Ezi microorganisms zitya ubuncwane bomhlaba wendalo xa kanye ibola. Ikwachaphazea izinambuzane kwingingqi ezimanzi kwaye uphando lufumanise ukuba kubakho inani elincinci lwezonakalisi kwiintsimi ezine mulch.

Translated by Zizipho Silwana