Amalungiselelo Omhlaba

© Louise Brodie

Amalungiselelo omhlaba kukuhlakulwa komhlaba phambi kokuba intsimi yomdiliya iqalwe. Akufanelanga ibhidaniswe nokukhathalela umhlaba nokukulungisa izinongo zomhlaba emva kokuba intsimi sele iqalisiwe ukulinywa. Uhlolo olunzulu lichwephesha kwezolimo kungabonakalisa kuba lengingqi kuzakutyalwa kuyo, ifana kangakanani na.

Ukuba mninzi kakhulu umahluko, umhlaba kufanele utshintshwe. Oku kungathetha nokuba endaweni ye bloko enkulu enye, ibloko ezimbini ezincinane kufanele zityalwe ukuze zihambelaniswe nomgangatho womhlaba. Enye yezona njongo zibalulekileyo zamalungiselelo omhlaba kukwenza umhlaba ufane kangangoko, ukuze kuqinisekiswe ukuba imithana iyalingana ngokomgangatho nangokuvuthwa.

Ukuhlolwa komhlaba nocazululo lolwazi ngo sosayensi bomhlaba kubaluleke kakhulu, ngoba indlela efanelekileyo yokulungisa umhlaba inokuza nabo. Kufanele kulumkelwe kungaziswa umhlaba onezigaqa okanye oludongwe ngaphezulu, nangona kunjalo iingcambu zesityalo esigqithileyo kufuneka zisitshulwe kangangoko.

Ngethuba lamalungiselelo omhlaba ikhemikhali ezisilelayo okanye ezingonelanga kufuneka zilungiswe nazo. Ichwephesha lomhlaba lizokusebenzisa uhlolo lomhlaba ukwenza amacebiso okuba ezikhemikhali zomhlaba zingalungiswa kanjani. Apho kufunyenwe khona izigaqa ezinetyuwa, kufuneka ilungiswe nge gypsum nokufunxwa. iGypsum iye igalelwe emhlabeni ukuze kunyuke icalcium saturation.

Imihlaba ene asidi ingalungiswa yona ngokufaka ilime ngethuba lama lungiselelo omhlaba ukuze kulungiseke I aside yomhlaba.

Imivuzo yaMalungiselelo oMhlaba

Umhlaba ozizigaqa kufanele ususwe ngethuba lamalungiselelo omhlaba. Indawo ezakuhlala iingcambu ingenziwa nzulu ngokukhupha izithinteli eziphantsi komhlaba. Ukuba sele kufunyanisiwe ukuba zikhona iingxakana ngomhlaba (umzekelo, ukungoneli kwezinongo zomhlaba okanye kwe minerali ethile) Ezingxaki zingasonjululwa phambi kokuba kufike ilixa lokutyala.

Ngoko ke, iikhemikhali ezingalinganiyo okanye ezingaphelelanga, zingafunyanwa ngethuba lohlolo lomhlaba zingakhawleza zilungiswe. Ukuthintelwa kwezonakalisi nezifo, ukuba kukho imfuneko, kungenziwa phambi kokuba kuqaliswe ukulinywa intsimi yomdiliya.

Ubume bomhlaba bungaphuhliswa ngokongezwa umgquba owenziwe ngezinto zendalo. Xa umgquba uthe wenziwa ngowendalo unganciphisa ukuqina komhlaba kwaye wandise nenani lemisundululu ne microbes zomhlaba.

Translated by Zizipho Silwana