Zinfandel

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Umdiliya we wayini ebomvu, omvelaphi ise Croatia. iZinfandel oko yayidumile kwelase Carlifornia ukusukela kwiminyaka yoo 1900 kwaye ingavelisa iwayini ezishoqololo ezibomvu okanye ezimhlophe zohlobo lwe rosé.

Imvelaphi

Kwelase Croatia

Amanye Amagama

Angapha kwama 30 amanye amagama ebizwa ngayo iZinfandel, kodwa kuxhaphake kakhulu i Primitivo (Italy) okanye i Crljenak kaštelanski (Croatian). Plavac Mali ibonwa njengebufana ne Zinfandel, kodwa azifani ukwenziwa (genetically).

Imvelaphi eMzantsi Afrika

Zingaphezulwana kwe 24ha ze Zinfandel ezityaliweyo e Mzantsi Afrika (2016) uninzi luse Stellenbosch (13ha) kunye nase Paarl (8ha).

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

ePaarl nase Stellenbosch.

Ukukhula

iZinfandel’s ithwala isivuno esikhulu esinokukhokelela ekubeni imidiliya emininzi yenze umbala obomvu ojiyileyo nonokuthi ukhuphe incasa ye ‘jem yamaqunube’. Imithi kufuneka ithenwe kakhulu ukuze kususwe amahlahla athwala iziqhamo onyaka ogqithileyo. Lomthi ulungele ukutyalwa kwimihlaba ephakathi ukuya kwetyebe kancinci kwaye iqelelaniswe kangange 5 feet nangaphantsi. Amagqabi avamise ukukhwelana, anekona ezintlanu ezicacileyo kwaye anoboya apha emazantsi.
©Glenneis Kriel

Ukuvuthwa

iZinfandel idinga imo yezulu efudumeleyo kwaye imidiliya isenokushiyana ukuvuthwa. Ivunwa phakathi okanye emva kwexesha lokuvunwa.

Amagaqa Omdiliya

Umbala ocacileyo mnyama- ukuya koluhlaza wesibhakabhaka, amaxolo apecepece namagaqa axinene amile okwe khoni okanye abambhuntshuntshu, asenokubola lula.

Ubukhulu bamagaqa buxhomekeka kwindlela imithi enkcenkceshelwa ngayo- amanzi amaninzi, amagaqa amakhulu. Ukunkcenkceshela okungalunganga kungabangela ukubola kwemidiliya. Iswekile eninzi yalomdiliya isenokwenza iwayini ezinesinxilisi esiphezulu.

Izonakalisi Nezifo

Iibhantshi ezixineneyo zingabangela ukucumzana kwemidiliya, izinambuzane nezifo. Imithi emidala isenokuba nentsolongwane esonga amagqabi.

Imisebenzi

Iswekile ephezulu ye Zinfandel isenokwenziwa ibeyiwayini ebomvu enencasa eshoqololo enxilisayo, yohlobo lwe port okanye iwayini emhlophe ebizwa nge ‘White Zinfandel’. Lendidi ixhaphakile eMelika kwaye yaziswa eMzantsi Afrika ngo 2007 ngumzi mveliso we wayini iBlaauwklippen winery.

Incasa

Incasa ye Zinfandel’s iyashiyana, ukuqala kwe yentyatyambo ezivakala kancinci ukuya kweyeziqhamo ezivakala kakhulu ezifana ne plam. Incasa ye jem yamaqunube kule wayini ibonakalisa isivuno esikhulu salomdiliyaTranslated by Zizipho Silwana