Zikhathalelwa njani Imphuphu Zebhokhwe

© Illustration by Tom Milner Out Here magazine
Iibhokhwe ke ziyakhawuleza ukwetyisa ukutya kuba zihlala zihamba, zibuka zitye. Izifo zempuphu okanye amazipho kunye nezo zingakhathalelwanga zenza kubenzima ukuhamba-hamba nokukhangela ukutya ngenxa yeentlungu. Xa iinzipho okanye iimpuphu zebhokhwe zinde, zingenza ukubola (ngaphantsi nakudonga lwenzipho okanye impuphu) kunye namadyunguza empuphu, aphuma phakathi kwempuphu ‘iinzwane’. Iimpuphu kufuneka zichetywe rhoqo (ukuyokuma kumatyeli amane ngonyaka) ukugcina ubume bazo – Jonga iimpuphu okanye iinzipho zebhokhwe ezincinci ukuze ukuyazi okokuba kufanele zibenjani.

Ukunyanga njani Ukubola Phakathi kwee Mpuphu

Ukubola phakathi kwenzipho kwenzeka kwimeko ezimanzi xa intsholongwane iFusobacterium necrophorum isenza ukudumba okunentlungu phakathi kwi ‘nzwane’. Inyama phakathi kwenzwane ingaba krwada ifume ibenombala opinki kwaye ibuhlungu xa iphethwe. Xa inganyangwanga, ibhokhwe ingasuleleka umphelo.
Putyuza umlinganiselo we 10% we womxube we copper sulfate okanye izinc sulfate phakathi kwe ‘nzwane’. Umxube we 7% we iodine ungasetyenziswa. Xa iibhokhwe zisitya emadlelweni, zinyange xa sele umbethe uphelile okanye uzigcine kwindawo eyomileyo iiyure ezingamashumi amabini anesine emveni kokuzinyanga. Umxube uzakoma kwiimpuphu kwaye iinyawo zizakuhamba ngcono. Xa inani elibonakalayo kumhlambi lisulelekile, sebenzisa ikomu okanye izinki nokuba ngumxube we copper sulfate ukuze ungene apha phakathi kwempuphu. Iinkunzi zebhokhwe zezona zivame ukuba ngamaxhoba ezilonda phakathi kwempuphu.

Ukunyanga njani Ukubola Kwenyawo

Ukubola kwenyawo sisifo esosulelayo senzwane okanye impuphu kwiibhokhwe neegusha esenziwa yintsholongwane iDichelobacter nodosus kunye ne Fusobacterium necrophorum. iDichelobacter nodosus, zonke zifumaneka kumhlaba osulelekileyo.
Iimpawu zokuqala zokubola kwempuphu kukubona iibhokhwe eziqhwalelayo, zibambe amalungu emoyeni okanye zisitya ingca ziguqe ngamadolo. Izilwanyane kunganzima zihambe kwaye impuphu zinganevumba ziphume ubofu. Unyango lwenyawo ezibolileyo luquka ukucheba impuphu ususe amakhokho osulelekileyo asele esukile apha enyameni yangaphantsi. Emveni koku cheba, izilwanyane ezichaphazelekayo kufuneka zime imizuzu emihlanu ngenyawo kumxube we 10% ye copper okanye izinc sulfate. Oku kungaphindwa Kanye ngeveki iveko ezine. Izilwanyane ezingaphiliyo, kufuneka zixhelwe.
Usuleleko lungenzeka xa isilwanyane esisulelekileyo sidibana nezingosulelekanga naxa iintsholongwane ezenza ukubola kwenyawo ziziswe zindwendwe ngezihlangu ngokuthi zinyathele kumhlaba osulelekileyo.

Uzicheba njani iiMpuphu Zebhokhwe

©Marinda Louw
Ixesha elilungileyo lokucheba iimpuphu kusemveni kwemvula, xa zithambile kwaye kuba lula ukusisika. Uzakudinga umncedisi ukubamba ibhokhwe ngendlela engena bundlobongela ihleli phantsi logama ucheba iinzipho okanye impuphu.usebenzisa umphambili wenzipho, qala ucoce ubumdaka nodaka kwinzipho. Emveni koko, jonga okokuba umphantsi wenzipho uyalingana phambi kokuqala ucheba umphezulu we zipho ngalinye. Qala ngoku cheba uzipho olunye. Ze uchebe umphandle wempuphu emveni koko. Xa udonga lwempuphu lulude kakhulu, lihlube livuleke uchebe imicu emincinci. Ungangxami ngokusika kakhulu kuba ingenza impuphu yophe.
Kancinci-kancinci cheba emazantsi de ubone lendawo imhlophe yempuphu ezisakhulayo. Yeka ukucheba xa ivela impuphu embala opinki kwaye konke ukubola kwempuphu kube sele kususiwe. Ekugqibeleni, coca umphakathi we mpuphu – phakathi kwe ‘nzwane’ apho kudibana izithende. Qaphela apha kuba izithende zithambile ukugqitha zonke iindawo zempuphu. Ukubola kwe mpuphu kuvame ukufumaneka ngakwi nzwane ngakudonga lwe mpuphu; akuvamanga ukubola kwezithende.

Translated by Zikhona Plaatjie